1. INGCACISO YOKWANDLALELA
1.1 ISebe leSayensi neThekhinoloji (Department of Science and Technology) (DST) lenze amalungiselelo kwizwelonke neSebe leMfundo likazwelonke (Department of Education) (DoE) okuxhasa abafundi beMathematika neSayensi ekukhuthazeni umbono wezikolo zeDinaledi.
1.2 Inxalenye yale mvumelwano ibandakanya izifundo ezongezelelweyo kwiMathematika, iFizikhali Sayensi ne-Akhawuntingi. Ngokumalunga noku kudala kuqhutywa iikhempu ze-DST/Thuthuka Maths and Science ukususela ngo-2002 kumaphondo ahluka-hlukeneyo.

2. UKUGAYWA KWABAFUNDI BEGAYELWA IIKHEMPU ZETHUTHUKA
2.1 Abagqatswa abaza kuya kule khempu kufuneka bagaywe ikakhulu kwizikolo zeDinaledi nakwizikolo ekugxilwe kuzo (Focus schools), ezinjengezoShishino, uRhwebo kunye noLawulo (Business, Commerce and Management and Engineering focus schools).
2.2 Nakuba kunjalo iSebe leMfundo leNtshona Koloni licebisa ukuba eli thuba lifanele ukunatyiselwa nakwezinye izikolo kwangokunjalo.
2.3 Inani labafundi abaMnyama abangama-200 (Ama-Afrika, abeBala namaNdiya) kumaBakala 11 no-12 baya kukhethwa ngokususela kwezi khrayitheriya zilapha ngasezantsi:
2.3.1 Ukwahlulwa ngokwesini apho i-55% ingababhinqileyo ize i-45% ibe ngamadoda
2.3.2 I-70% abenza iMathematika neSayensi, i-30% ibe ngabenza iMathematika ne-Akhawuntingi
2.3.3 Abafundi ababefumene ubuncinane i-40% kwiMathematika
2.4 Fumana ifom yesicelo eqhotyoshelwe apha njengeSihlomelo A

3. IPROGRAM YEKHEMPU
3.1 Le khempu iya kuqhuba ukuqalela nge-28 Juni 2009 ukuya kwi-5 Julayi 2009 eCape Academy for Mathematics, Science and Technology.
3.2 Ukongeza kwizifundo ii-tutorials zeMathematika, iSayensi ne-Akhawuntingi, kuya kwenziwa amalungiselelo otyelelo kwiindawo ezithile ngenjongo yokufunda (excursions), ekukho phakathi kwazo ezi, i-MTN Science Centre, i-ESKOM Nuclear Power Station ne-South African Astronomical Observatory.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:08

isiHlomelo A: "Application for Maths, Science and Accounting camp 2009"  (ubukhulu: 106 KB)