1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyakuxhasa ukubandakanywa kwengcaciso nethekhinoloji yonxibelelwano (information and communication technology) (ICT)) kwizifundo ezibhalwe kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (NCS).
2. Zonke izikolo zikarhulumente eziziisekondari zixhaswe kule nkqubo ngokunikwa iilebhu zekhompyutha yiKhanya.
3. I-ICT Unit ekwiCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ikwenze oku ngentsebenziswano namasekela eengcali zemfundo, ukwenza iiphothali zewebhu zezifundo nezeenkalo zezifundo.
4. Isifundo ngasinye sinephepha lewebhu elinokufikelelwa ngokungena kweli ziko lewebhu lekharityhulam http://curriculum.pgwc.gov.za Iphepha lewebhu lineenkcukacha zoqhagamshelwano zamasekela eengcali zemfundo, imigaqo-nkqubo yezifundo nezikhokelo, neelinki eziluncedo ezikusa kwamanye amaziko ewebhu aya kunceda ootitshala ekucwangciseni kwabo umsebenzi.
5. Kumele kukhankanywe kwakhona ukuba icandelo elisandula kusekwa le-e-Learning linayo, njengenye yeenjongo zalo, isistim yokulawula ukufunda yephondo elungiselelwe ootitshala.
6. Iilebhu zeKhanya zibonelelwe nge-software engqamene nezifundo. Kucetyiswa ukuba ootitshala nabafundi basebenzise ithekhinoloji ekhoyo ne-software engqamene nezifundo ukuphucula ulwazi lwabo lwesifundo, ngokukodwa ukutolika/ukucacisa ikhontenti entsha.
7. I-WCED ipapashe uxwebhu olusisikhokelo ukunceda ootitshala ekubandakanyeni i-ICT ekufundeni nasekufundiseni.
8. Olu xwebhu lusisikhokelo lubandakanya ezi zihloko zilandelayo:
  • Ukusetyenziswa ngokubanzi kwe-ICT kuzo zonke izifundo
  • Isoftware yezemfundo nendlela yokuyiphonononga
  • Ukusetyenziswa kweWorld Wide Web kwisifundo ngasinye
  • Ukusetyenziswa kwezibonelelo zedijithali ezibonelelwe yi-WCED
9. Uxwebhu olusisikhokelo luyafumaneka kwiZiko leWebhu leCandelo leKharityhulam http://curriculum.pgwc.gov.za [ or here - size 489 KB ].
10. Uyacelwa ngesihle ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:15