1. INkcazo yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke kumaBakala R-9 (Ezikolweni) (the Revised National Curriculum Statement Grades R - 9)) icacisa ithi "Ulwimi olongezelelweyo lufanele ukuqaliswa ukufundiswa njengenkalo yesifundo kwiBakala 4."
2. Kwakolu xwebhu lungasentla kuthiwa abafundi bavumelekile ukuba bafunde ulwimi lwesiNtu ubuncinane iminyaka emithathu kwisigaba seMfundo noQeqesho Ngokubanzi (General Education and Training phase). Kwezinye iimeko, lungafundwa njengolwimi lwesibini olongezelelweyo.
3. Ngokuchaseneyo nezi mfuno zomgaqo-nkqubo zingasentla, ezinye izikolo ziqalisa isiXhosa njengoLwimi oLongezelelweyo njengesifundo okokuqala ngqa kwiBakala 8 okanye 9. Oku kuthetha ukuba abafundi abanazo izakhono ezisisiseko nolwazi olwandlalelayo kulwimi lwesiXhosa. Ukongeza, iba ngumsebenzi onzima nomkhulu kakhulu kubo kumaBakala 10, 11 no-12, apho kufuneka bafezekise imfuno ethile yovavanyo rhoqo (continual assessment) yamanqaku ayi-25% nemfuno yoviwo yamanqaku ayi-75%.
4. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:15