1. Ukusiwa kwe-LTSM yeSiphumo sokuFunda 1 sesifundo soLwazi ngezoBomi, esihloko sithi Today's Choices, kuya kwenzeka ngo-Apreli 2009 apho ezi zinto ziya kusiwa ezikolweni.
2. Isikolo ngasinye siya kunikwa iincwadi zomsebenzi zabafundi, kwakunye nezikhokelo ezibini zikatitshala ezibhalwe ngolwimi lokufundisa (ngeelwimi zokufundisa) lwesikolo. Oku kubandakanya i-DVD ne-CD-ROM yamaBakala 10, 11 nele-12.
3. Ukusiwa kwezinto zokufunda kwenziwa ngokususela kumanani e-EMIS. Kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi wesithili sakho okanye nomququzeleli we-HIV/AIDS ukuba kuye kwakho ukungangqinelani kakhulu kwamanani ezinto ezizisiweyo kunye/okanye apho kufuneka kuqeqeshwe ootitshala.
4. Kucelwa niqaphele ukuba le LTSM zizinto zokufunda ezongezelelweyo nezingahlawulelwa mali zizikolo.
5. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abaququzeleli beze-HIV/AIDS ezikolweni nootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:31