1. Le yengcaciso imfutshane ithatha indawo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0052/2007, eyayimalunga nobume be-Mathematics Paper 3 kuviwo olukwinqanaba leBakala 12.
2. Imigangatho yovavanyo yeMathematika, njengoko icaciswe kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, Subject Statement for Mathematics, yahlulwe yaba yimigangatho yovavanyo engundoqo (core assessment standards) nemigangatho yovavanyo eyenziwa ngokuzithandela (optional standards).
3. Imigangatho yovavanyo eyenziwa ngokuzithandela njengangoku ivavanywa ngoviwo olwenziwa ngokuzithandela kwiphepha le-Mathematics Paper 3. Ekuqaleni kwakucingelwa ukuba imigangatho yovavanyo eyenziwa ngokuzithandela iya kwenziwa ibe yenyanzelekileyo kubo bonke abafundi abafunda iMathematika ukususela ku-2011.
4. Kodwa ke kuthe, emva kokuwujongisisa nzulu lo mba, iSebe leMfundo kuzwelonke lafikelela kwisigqibo sokuba ayisayi kwenziwa ibe yenyanzelekileyo imigangatho yovavanyo eyenziwa ngokuzithandela kwiBakala 12 ngethuba lale minyaka izayo sijonge kuyo.
5. Ngenxa yesi sizathu, i-Mathematics Paper 3 iya kuhlala iliphepha elenziwa ngokuzithandela.
6. Nakuba kunjalo, ziyakhuthazwa izikolo ukuba zilifundise eli phepha le-Mathematics Paper 3 kubafundi abanqwenela ukwandisa ulwazi lwabo lwemathematika.
7. Uyacelwa ukuba wazise okukule setyhula bonke ootitshala beMathematika bamaBakala 10 ukuya ku-12, kwakunye nabafundi abakuloo mabakala, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:30