1. IINKQUBO ZIKAZWELONKE
1.1 NgoSeptemba 2007, iBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers) (CEM) lagqiba ekubeni abafundi beBakala 9 banikwe iSatifikethi seMfundo Ngokubanzi (General Education Certificate (GEC)) ukususela ngo-2010.
1.2 Isiqinisekiso se-GEC sabhaliswa nge-22 Oktobha 2008 kwiGunya leZiqinisekiso laseMzantsi Afrika (South African Qualifications Authority) kwiNqanaba 1 le-NQF.
1.3 Kwiminyaka emithathu ezayo, isebe lemfundo likazwelonke namasebe emfundo amaphondo aya kuthathela ingqalelo indlela yokomeleza uvavanyo lwe-GEC kumagumbi okufundisela, ukunikwa kootitshala imizekelo yovavanyo olululo, ukukhutshwa kwe-GEC ekupheleni kweBakala 9 nokuphuhliswa kovavanyo lwangaphandle ngempumelelo kuwo onke amabakala.
1.4 Kulungiswa iinkqubo zovavanyo ukwenzela ukuphumeza i-piloti ye GEC ngokupheleleyo yi Ntshona Koloni Kuloo nyaka ka 2009.
1.5 Olu xwebhu National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band (GET) njengangoku luyaphononongwa kwakhona kwaye oku kungabandakanya ukubhalwa ngokutsha kweSahluko 2 ukwenzela ukuba lubandakanye umgaqo-nkqubo we-GEC. Ukongeza, iimfuno zokupasa ukuqalela kumaBakala 1 - 9 zifakelwe izilungiso. Olu xwebhu sele lusasaziwe ukwenzela ukuba uluntu luphawule ngalo ngokuthi lunike iimbono zalo ngalo. Lwakuba nje lufakwe kwigazethi luya kuba nokufumaneka kuzo zonke izikolo ngokukhawuleza emva koko.
1.6 Onke amaphepha emibuzo oviwo lwe-GEC aya kusetwa liSebe leMfundo kazwelonke (DOE).
1.7 Isigaba sokuqala semisebenzi yovavanyo ekumgangatho omnye (standardised assessment tasks) esetwa ngaphandle (CTA, iCandelo A) siya kwenziwa kwiKota 2 (ngoMeyi - Juni 2009) ukwenzela ukunika ootitshala isikhokelo kwimigangatho efanelekileyo yovavanyo yeBakala 9.
1.8 Isigaba sesibini semisebenzi yovavanyo esetwa ngaphandle (CTA, iCandelo B) siya kwenziwa kwiKota 4, ngokungqinelana nethayimthebile enyanzelekileyo (compulsory timetable) esetwa yi-DOE kazwelonke. Imihla ecetywayo yokuqhutywa kwe-CTA, iCandelo B iqalela kwi-20 Novemba 2009 de kuye kwi-4 Disemba 2009.

2. IINKQUBO ZEPHONDO
2.1 Olu xwebhu WCED Regulatory Framework for the Conduct, Administration and Management of the CTA lwanikwa izikolo ngo-2008. Injongo yolo xwebhu kukuqinisekisa ukuba zonke iinqununu, ootitshala namagosa bonke babe nolwazi olufanayo lweenkqubo neendlela zokwenziwa kwee-CTA. Olu xwebhu luya kufakelwa izilungiso ukuze lulungiselele ne-GEC.
2.2 Imigaqo yokumodareyitha yeSebe i-WCED yovavanyo oluqhubekela esikolweni iya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo kungekudala. Le migaqo yokumodareyitha icacisa iinkqubo zokubeka esweni nokumodareyitha (monitoring and moderation) kwinqanaba leeklasta, kwizithili nakwiphondo.
2.3 Izithili nezikolo ziya kwaziswa qho ngezinto eziqhubekayo (regular updates) zeenkqubo neendlela zokwenziwa kovavanyo lweBakala 9, kubandakanywa nokufakwa kwikhompyutha kweziphumo zeBakala 9 ngo-2009, zakuba nje zifakwe kwigazethi.

3. UTHATHO-NXAXHEBA ZIZITHILI ZEMFUNDO
3.1 Abaphathi bezithili zemfundo kufuneka baqinisekise ukuba ingcaciso yakutshanje nge-GEC yaziswe bonke abo bachaphazelekayo.
3.2 Ukumodareyitha nokubeka esweni ngokungqongqo, kwakunye nenkxaso eyiyo yezikolo, kufuneka zisekelwe kwimigaqo-nkqubo kazwelonke neyephondo ukuqinisekisa ukunyaniseka nokuthembakala kwe-GEC.
3.3 Izikolo mazingenise zonke izicelo zokutshintshwa apha naphaya kwamaphepha ukulungiselela iimeko azithile egameni labafundi abafumana izithintelo ekufundeni kumququzeleli wovavanyo wesithili kwi-ofisi yesithili semfundo nganye ungadlulanga owe-31 Matshi 2009. Ezi zicelo mazivunywe (be approved) ziikomiti zokunika inkxaso ezikwizithili zemfundo. Umququzeleli wovavanyo wesithili makangenise isishwankathelo sazo zonke izicelo ezivunyiweyo kule dilesi ilandelayo ungadlulanga owe-3 Apreli 2009:
Mr André Clausen
Director:  Examinations Administration
Western Cape Education Department
Room 512
Grand Central Towers
Lower Parliament Street 
Cape Town
8001
Ifoni: 021 467 2945
4. IINKQUBO ZEZIKOLO
4.1 Ziyacelwa izikolo ukuba zincede zihlaziye ngokukhawuleza iirekhodi zazo zabafundi kwi-CEMIS ungadlulanga owe-31 Matshi 2009. Makuqwalaselwe ngakumbi ukubhaliswa ngokuchanekileyo kwamanqanaba eelwimi ezahlukeneyo ezifundwa ngumfundi ngamnye.
4.2 Inani lamaphepha emibuzo aya kusiwa ezikolweni kuzo zonke iinkalo zezifundo, ngaphandle kweelwimi, liya kusekelwa kulwimi lokufunda nokufundisa lwesikolo, nekufuneka lubhalwe ngokucacileyo kwi-CEMIS.
4.3 Ubungakanani bamaphepha emibuzo eBakala 9, iimemoranda, iincwadi zokufundwa (resource books) nezinye izixhobo zovavanyo eziya kusiwa ezikolweni ukulungiselela ii-CTA, amaCandelo A no-B, ziya kusekelwa kubhaliso kwi-CEMIS. ISebe iWCED aliyi kusa zinto zokubhala zongezelelweyo ngenxa yokubhaliswa ngokungachanekanga kweenkcukacha zabafundi.
4.4 Ukumakisha, ukumodareyitha kwangaphakathi esikolweni nokurekhodwa kovavanyo kuya kuqhubekela esikolweni.

5. ISIPHELO

Amagosa ezithili zemfundo, abaphathi bezekharityhulam neenqununu bonke bayacelwa ukuba bazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:17