1. Iseti yezikhokelo zoviwo eqhotyoshelwe apha ilungiswe liSebe leMfundo likazwelonke.
2. Ezi zikhokelo zinika ingcaciso eza kusebenza kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zango-Oktobha/Novemba 2009 kwaye iza kunceda ootitshala nabafundi ekulungiseleleni kwabo ezi mviwo.
3. Ngasinye iSikhokelo soViwo masifundwe kunye neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (NCS), neZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines) kunye neSikhokelo seProgram yokuFunda (Learning Programme Guideline) yesifundo ngasinye.
4. Kulindeleke ukuba ootitshala bazisebenzise ezi zikhokhelo xa beseta amaphepha eemviwo zangaphakathi esikolweni.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba ootitshala bezifundo ezichaphazelekayo banikwa izikhokelo zoviwo ezifanelekileyo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:04


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).