1. INTSHAYELELO
1.1 Iimviwo zokuqala zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) zaqhutywa ngoNovemba 2008. Ngokolu uxwebhu Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (Government Gazette No. 31337, August 2008), umviwa ongaphumelelanga ukungqinelana neemfuno ezingummiselo zovavanyo lwangaphakathi (School Based Assessment), kodwa aze anike isizathu esivakalayo sokungakwazi ukukwenza oko, anganikwa ithuba lokuba avavanywe kuloo misebenzi inikiweyo (assigned tasks).
1.2 Umviwa kufuneka ke ngoko angenise umsebenzi ongazange ungeniswe (imisebenzi engazange ingeniswe) okanye eze yena buqu ukuza kwenza uvavanyo lwangaphakathi (School Based Assessment) ngaphambi komhla we-16 Matshi 2009.

2. UKUPHUCULWA KWAMANQAKU OVAVANYO OLUQHUBEKELA ESIKOLWENI (SBA) ESIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOMI
2.1 Kwimeko yesifundo soLwazi ngezoBomi, amanqaku okupasa okugqibela asekelwe kumanqaku ovavanyo oluqhubekela esikolweni kuphela, njengoko kungekho luviwo lwakuxabangela (no supplementary examination) kwesi sifundo.
2.2 Ukuba umviwa unqwenela ukuphucula amanqaku akhe esifundo soLwazi ngezoBomi ukwenzela ukuba afumane i-NSC, loo mviwa anganikwa ithuba lokuba angenise umsebenzi ongazange ungeniswe (imisebenzi engazange ingeniswe) okanye angenise iphothifoliyo yovavanyo egqityiweyo entsha, njengoko kuvunyelwene notitshala ochaphazelekayo, ngaphambi komhla we-16 Matshi 2009.

3. IINKQUBO EZIZODWA NGOKUMALUNGA NOKUNGENISWA KWEMISEBENZI YOVAVANYO EYAYINGANGENISWANGA, NEMISEBENZI EYENZIWA NGEZANDLA (PRACTICAL ASSESSMENT TASKS) KUNYE NEZIFUNDO ZO LWAZI NGEZO BOMI.
3.1 Izicelo zovavanyo kwakhona (re-assessment) kwisiFundo soLwazi ngezoBomi mazenziwe esikolweni. Ifomu yesicelo incanyathiselwe njengesiHlomelo A. Isikolo masingenise iifomu ezigcwalisiweyo kwi-ofisi yesithili yemfundo ukuze zirekhodishwe.
3.2 I-ofisi yesithili yemfundo kufuneka yona izithumele ezo fomu kwiCandelo: loLawulo lweeMviwo ngolwesiThathu, umhla wama-25 kuFebruwari 2009 ukuze zirekhodishwe kwidilesi ebhalwe kumhlathi 3.7.
3.3 Abafundi mabavunyelwe ukuba baqhubeke nenkqubo yohlolo olwenziwa esikolweni.
3.4 Abazali nabaviwa mabathwale uxanduva olupheleleyo lokungeniswa kwemisebenzi eyayingangeniswanga esikolweni ungadlulanga umhla we-16 Matshi 2009. Kufuneka ke ngoko bacelwe ukuba baqhagamshelane nesikolo ngokukhawuleza ukuza kwenza amalungiselelo okungeniswa kwaloo misebenzi.
3.5 Isikolo masimisele imihla yokungeniswa kwemisebenzi yaye masiqinisekise ukuba ukumakishwa nokumodareyithwa kwenziwa ngokungqinelana nemigaqo-nkqubo kazwelonke neyephondo.
3.6 Kufuneka i-ofisi yesithili yenze amalungiseelelo ayimfuneko okumodareyithwa kovavanyo lweephothifoliyo.
3.7 Amagosa ezithili zemfundo makaqinisekise ukuba ukumodareyithwa kwale misebenzi kwenziwa esikolweni nakwisithili. Amanqaku okugqibela amodareyithiweyo makangeniswe kule dilesi ilandelayo ungadlulanga umhla we-3 Apreli 2009:
Mr André Clausen
Director: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Room 512
Grand Central Towers
Lower Parliament Street 
Cape Town
8001
Ino. yefoni 021 467 2945
3.8 Ziyacelwa iinqununu zezikolo nootitshala ukuba zibancedise abaviwa abangazigqibanga iimvavanyo zabo eziqhubekela esikolweni.

4. ISIPHELO

Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule setyhula ootitshala, abaviwa nabazali abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:16


isiHlomelo A: "Applications for re-assessment of School Based Assessment"  (ubukhulu: 97 KB)

Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (Government Gazette No. 31337, August 2008)
  Complete document  (ubukhulu: 2 212 KB)
or
  Document without the Annexures  (ubukhulu: 773 KB)
  Annexures A - N  (ubukhulu: 660 KB)
  Annexures M - O  (ubukhulu: 695 KB)