1. Intshayelelo
1.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuthi kwakhona linike abantu abadala ithuba lokubhala uviwo lwe-ABET lwenqanaba 4 lukazwelonke ngoJuni nango-Oktobha 2009.
1.2 Kuvavanyo lokuphela konyaka lwe-ABET inqanaba 4 umlinganiselo woviwo kuvavanyo oluqhubekela emazikweni (site-based assessment) (SBA) uya kuhlala uyi-50:50.
1.3 Iimviwo zisetwa ngamagqiza kazwelonke naye athi kwakhona avelisa isethi yemisebenzi yovavanyo oluqhubekela emazikweni (SBA) ekumgangatho ofanayo ka-2009.
1.4 ISebe leMfundo likazwelonke (DoE) liyithumele le misebenzi yovavanyo oluqhubekela emazikweni ekumgangatho ofanayo kumaphondo ukwenzela ukuba isetyenziswe ngawo onke amaziko abhalisa abafundi kuvavanyo lwe-ABET inqanaba 4 ngo-2009.

2. Uvavanyo oluqhubekela emazikweni (site-based assessment (SBA))
2.1 Imisebenzi ye-SBA ka-2008 iya kuhlala isebenza ngokusemthethweni de kube ngoJuni 2009; oku kuthetha ukuba inokusetyenziselwa kuphela abaviwa abalungiselela ukubhala uviwo lukazwelonke lukaJuni 2009.
2.2 NgoNovemba 2008 abacebisi ngeze-ABET abakuzo zonke izithili zemfundo bafumene i-CD equlathe imisebenzi yovavanyo oluya kuqhubekela emazikweni ngo-2009.
2.3 Kwikota yokuqala ka-2009 izithili zemfundo ziya kubamba iintlanganiso zokumisela imigangatho efanayo apho onke amaziko aqhuba iimvavanyo zikazwelonke ze-ABET inqanaba 4 aya kufumana i-CD yemisebenzi ekumgangatho ofanayo ye-DoE. Kubaluleke gqitha ukuba bonke ootitshala be-ABET inqanaba 4 baye kuzo zonke iintlanganiso zokumodareyitha zezithili zemfundo, kubandakanywa neentlanganiso zokumisela umgangatho ofanayo (standard setting meetings), iintlanganiso zaphakathi enyakeni zokubeka esweni umsebenzi neentlanganiso zokumodareyitha zokugqibela zokuphela konyaka.
2.4 Ngo-2009 iphothifoliyo yomfundi ngamnye mayibe nemisebenzi emihlanu ekumgangatho ofanayo ekhutshwe yi-DoE. Ukunyaniseka kwazo zonke iiphothifoliyo zabafundi KUFUNEKA kuvunywe (be declared) ngootitshala nabafundi.
2.5 Iiphothifoliyo zootitshala mazibe nabo bonke ubungqina obuvela ekufundiseni, ekufundeni nakuvavanyo lweprogram ethile. Oko kuthetha ukuba iiphothifoliyo kufuneka zibandakanye iprogram yokufundisa katitshala, isicwangciso sovavanyo kwinkalo yesifundo nganye, izicwangciso zezifundo (lesson plans), imisebenzi yovavanyo yaseklasini nezixhobo zokusebenza, imisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo ye-DoE nezixhobo zokusebenza, iimakhishithi namaxwebhu emigaqo-nkqubo efanelekileyo okufundisa ikharityhulam ye-ABET inqanaba 4 nawokwenza uvavanyo.
2.6 Abacebisi ngezekharityhulam baya kuqhuba iintlanganiso zokumisela imigangatho efanayo, iintlanganiso zokubeka esweni umsebenzi nokumodareyitha apho ootitshala baya kukhokelwa kusetyenziso lwemisebenzi yovavanyo eqhubekela emazikweni emitsha.

3. Uviwo
3.1 Zombini iimviwo (ngoJuni nango-Oktobha) ziya kubekwa esweni yi-WCED, i-DoE no-Umalusi.
3.2 Iimviwo njengangoku zisetyenziselwa ukumodareyitha uvavanyo oluqhubekela emazikweni kusetyenziswa iinkcukacha-manani, njengoko kubhaliweyo kwiSetyhula 27/2004, kwaye ke ngoko kubalulekile ukuba bonke abaviwa abahlalela uviwo bafumane ukuqeqeshwa kubuchule bokubhala uviwo (examination techniques). Bayacetyiswa ootitshala ukuba bafunde iingxelo zabamakishi abaziintloko be-ABET inqanaba 4 kwakunye namaphepha emibuzo exesha elidlulileyo xa belungiselela abaviwa uviwo. Ii-CD zamaphepha eemviwo ezidlulileyo neempendulo ezicetyiswayo ziyafumaneka kwa-Edumedia kule nombolo yefoni 021 689 9536.
3.3 Ziya kunikwa kungekudala iinkcukacha zethayimthebhile yoviwo evunyiweyo.

4. Inkxaso enikwa sisithili semfundo

Kunokuqhagamshelwana naba bacebisi ngezekharityhulam balandelayo ukuba kuye kwafuneka inkxaso engaphezulu:

ISithili seMfundoIGosa le-ABETIfoni (emsebenzini)
Cape WinelandsMnu Thomas Michaels (olibambela)023 348 4628
Metro CentralMnu Derrick Sayster (olibambela)021 659 4344
Metro EastNks Rejean Muller021 900 0966
Eden and Central KarooMnu Dirk Henry
Ms Carlene Swartz
044 873 6128
023 415 2070
Metro NorthNks Winifred Taylor021 938 3032
OverbergMnu Connell Balie (olibambela)023 348 4619
Metro SouthNks Zukiswa Ntontela
Nks Vuyiswa Ndunduzela (olibambela)
021 370 2056
021 370 2053
West CoastNks Nompumelelo Moyi (olibambela) 021 860 1583

5. Isiphelo
5.1 Onke amaziko e-ABET alungiselela abaviwa uviwo lwango-Oktobha lwe-ABET inqanaba 4 makaphumeze i-SBA ekumgangatho ofanayo ka-2009 yaye angqinelane neemfuno ze-DoE.
5.2 Amanqaku afunyenwe ngabaviwa e-SBA ngo-2008 aya kusebenza ngokusemthethweni kuphela kude kube ngoJuni 2009. Imisebenzi yovavanyo ekumgangatho ofanayo mayiqaliswe ukuqalela kuJanuwari 2009.
5.3 Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazise bonke ootitshala nabafundi be-ABET inqanaba 4 okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:22