1. ISebe iWCED lifumene izikhalazo ezininzi ngokumalunga nomgangatho nokufaneleka kwemibuzo ethile kwiinkalo zokufunda ezithile zeMisebenzi yoVavanyo eFanayo ka-2009 (2009 Common Tasks for Assessment (IiCTAs)).
2. Emva kokuqwalaselwa ngenyameko kwalo mba nasemva kwegalelo leengcali zeenkalo zezifundo, iSebe lithathe isigqibo sokuba liyilungise apha naphaya inkqubo yokulungisa iziphumo ukuqinisekisa ukuba abafundi abadlelelwa ngokungafanelekileyo kwezi nkalo zezifundo, Arts and Culture, isiXhosa First Additional Language ne-Natural Sciences.
3. Kusafuneka ootitshala mabamakishe ngokwememorandam ekhutshwe liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke. Izikolo mazingaze zishiye nalinye icandelo lememorandam, kwaye mazingenzi ezazo izilungiso apha naphaya (own adjustments).
4. Amanqaku anjengoko enjalo (raw marks) afunyenwe ngabafundi kwiCandelo B le-CTA makarekhodwe kusetyenziswe iprogram yokulungisa iziphumo zeBakala 9 yeWCED (WCED Grade 9 resulting program) nemayikotshwe kwiCEMIS nge-27 Novemba 2009.
5. Iprogram yokulungisa iziphumo zeBakala 9 (Grade 9 resulting program) iya kuba namanqaku alungiswe apha naphaya kwezi nkalo zokufunda zintathu kwaye iya kuzibala ngokuzenzekelayo (automatically) iziphumo zokugqibela zekota yesine, kwakunye namanqaku okupasa okugqibela (final promotion mark) kwinkalo yesifundo nganye.
6. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba ziqinisekise ukuba amanqaku akumakhadi eeripoti zabafundi ayafana nalawo akwilisti zokugqibela (final lists) zeziphumo ezivunyiweyo.
7. Kucelwa wazise bonke ootitshala ngokukule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:26