1. Iimvavanyo zikaZwelonke ezenziwa qho ngoNyaka (Annual National Assessments) ziyinxalenye yephulo leZiseko zokuFunda njengoko kucacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane 0033/2009 no-0028/2009.
2. ISebe iWCED linolwazi ngeengxaki abazifumanayo ootitshala malunga neeMvavanyo zikaZwelonke ezenziwa qho ngoNyaka. Izikolo ezininzi nazo sele zifake izikhalazo malunga nezi mvavanyo, nesele zigqithiselwe kwiSebe leMfundo kuzwelonke kungokunje.
3. ISebe licela uxolo ngokungazenzisiyo ngale ndlela iiMvavanyo zikaZwelonke zonyaka ka-2009 ezenziwa qho ngoNyaka ziqhutywe zaza zaququzelelwa ngayo. Lo mbandela uyalungiswa apha kwiSebe iWCED kwaye ingxelo eneenkcukacha ezibanzi iya kungeniswa kwiSebe leMfundo kuzwelonke.
4. Umhla wokufakwa kwedatha yeziphumo zeeMvavanyo zikaZwelonke ezenziwa qho ngoNyaka kumaBakala 1 - 6 utshintshelwe kwi-30 Novemba 2009 ukulungiselela zonke izikolo.
5. Izikhokelo ezongezelelweyo ngokufaka idatha sele zifakwe kwiziko lewebhu kwiCEMIS.
6. Ukuba isikolo sakho siba neengxaki ekufakeni idatha, kucelwa uqhagamshelane noGqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467 2286.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala oomabhalane esikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-P VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:24