1. Intshayelelo
1.1 IGazethi kaRhulumente 29626 ye-12 Februwari 2007, icacisa ukuba iCTA iya kuba kukuphela kovavanyo lweBakala 9 olwenziwa ngokulandela imigaqo (only formal Grade 9 assessment) kwikota 4. Zonke izikolo ngo-2009 kwakufuneke ukuba zibhale iCTA: iCandelo A ukuqala nge-5 Oktobha 2009.
1.2 ICandelo B: ngumsebenzi wosiba nephepha (luviwo olubhalwayo) owenziwa ngokulandela imigaqo nobhalwa ukuqala nge-16 Novemba 2009 kuye kutsho kwi-30 Novemba 2009.
2. I-CTA: ICandelo A - uLwimi lwesiXhosa lwesiBini oLongezelelweyo
2.1 ISebe i-WCED lifumene izikhalazo eziliqela malunga nokubanzima kwephepha lemibuzo yesiXhosa uLwimi lwesiBini oLongezelelweyo yeCandelo A le-CTA.
2.2 Ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukuba kwenziwa ngokufanelekileyo nangendlela efanayo ukukhutshwa kweziphumo zabafundi beBakala 9 kule nkalo yesifundo, iSebe i-WCED lenze isigqibo sokuba kunyenyiswe imiqathango kwiCTA: iCandelo A.
2.3 Ziyacetyiswa izikolo ezifundisa isiXhosa uLwimi lwesiBini oLongezelelweyo ukuba mazisebenzise amanqaku anikwe umfundi ngamnye ovavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment) (SBA) ekuhambeni konyaka ukubala amanqaku okuphela konyaka omfundi eCandelo A le-CTA. Ngamanye amazwi, amanqaku abafundi eCandelo A le-CTA (amanqaku ali-120) aya kubalwa ngokususela kumanqaku afunyenwe ngabafundi kwi-SBA ngawo wonke unyaka.
3. I-CTA: ICandelo B - uLwimi lwesiXhosa lwesiBini oLongezelelweyo
3.1 ISebe i-WCED liphinde lenza isigqibo sokuba kusetwe iphepha lephondo (set a provincial paper) leCTA: iCandelo B.
3.2 Eli phepha leCTA: iCandelo B lisetwe liphondo liya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo lize lithathe indawo yephepha leCTA: iCandelo B elisetwe nguzwelonke (nationally set CTA: Section B).
3.3 Kufuneka ke ngoko izikolo zisebenzise iphepha elisetwe liphondo kuviwo lwesiXhosa SAL olucwangciselwe ukubhalwa nge-30 Novemba 2009. Ukubhalwa kwephepha leCTA: iCandelo B elisetwe liphondo lesiXhosa uLwimi lwesiBini oLongezelelweyo linyanzelekile kuzo zonke izikolo ezifundisa le nkalo yesifundo.
4. Ukuzaliswa kwamaxwebhu okurekhoda amanqaku esiXhosa SAL
4.1 Kufuneka izikolo zifake kwikhompyutha amanqaku arekhodiweyo ayo yonke imisebenzi ye-SBA eyenziwa ngokomgaqo (formal SBA tasks) eyenziwe ngumfundi ngamnye ekuhambeni konyaka, amanqaku omfundi ngamnye abaliweyo eCandelo A kunye namanqaku azuzwe ngumfundi ngamnye kwiCandelo B.
4.2 Amanqaku abafundi eCandelo A (amanqaku ali-120) aya kubalwa ngoukususela kumanqaku azuzwe ngabafundi kwi-SBA ekuhambeni konyaka.
4.3 Amanqaku abafundi eCandelo B (amanqaku angama-80) aya kusekelwa ekupaseni kanye ngqo kwabafundi iCTA: iCandelo B.
4.4 Iprogram yeBakala 9 yokukhutshwa kweziphumo iya kuzibala ngokuzenzekelayo (automatically) iziphumo zomfundi ngamnye.
5. Nayiphi na imibuzo emalunga nale nkqubo ingabhekiswa kumququzeli wovavanyo wesithili semfundo sakho.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:02