1. Le minithi mayifundwe kunye neSetyhula 0014/2009, yomhla we-14 Apreli 2009, eyayihamba kunye nethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zango-2009.
2. Apha ngezantsi kukho amaxesha abelwe ezi nkqubo zikhokelela ekubhalweni kweComputer Applications Technology Speed Test ngo-Oktobha 2009:

  • 08:00 - 08:15: Ukufika kwabaviwa nokuxelelwa kwabo imiyalelo yeemviwo nezitenxo;
  • 08:15 - 08:25: Inkqubo yokuloga ungene kwikhompyutha (Logon process);
  • 08:25 - 08:45: Ukuziqhelanisa nokuzilungiselela ukuqala (Practice and warm-up);
  • 08:45 - 08:55: Ixesha lokufunda;
  • 08:55 - 09:00: Ukukhastomayiza ii-default page settings nokufaka ii-headers ezifanelekileyo (appropriate headers);
  • 09:00 - 09:10: Ukubhalwa kwe-speed test.
3. Kucelwa iinqununu zazise okukule minithi bonke abaviwa ababhala i-Speed Test kwi-Computer Applications Technology kwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki ngo-2009, nakootitshala abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:05