1. Intshayelelo

Ulawulo ngendlela eyiyo lweemviwo kwiziko lemfundo ngumba obaluleke gqitha kwinkqubo yeemviwo. Iinqununu zezikolo, ngokwezi Setyhula 0137/2002 no-0193/2003, ngamagosa eemviwo aziintloko yaye ke ngoko zifanele ukuphendula ngenkqubo yazo zonke iimviwo kwizikolo zazo.

Nangona kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kweemviwo nokuba ngaba ziimviwo zeMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 okanye zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kungaphazamiseka ngo-2009, kubaluleke kakhulu ukuba kuqulunqwe isicwangciso esibanzi solawulo lweemeko ezingayingozi (comprehensive risk management plan) liziko ngalinye ukulungiselela ukusingatha ukuphazamiseka okungakho kolawulo ngempumelelo nokubhalwa kwezi mviwo.

2. Isicwangciso sokuqulela okungehla esimalunga nokusingatha iimeko zikaxaxeka
2.1 Njengoko iintlobo zemeko kaxakeka zinokwahluka apha naphaya, iSebe iWCED liqulunqe le nkqubo ilandelayo ejolise ekufikeleleni kwiimeko apho kukho imfuneko yokuncitshiswa kwesiphumo sokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo okubangelwa kukuvela kwemeko kaxakeka. Kubaluleke gqitha ukuba onke amaziko alungiselela abaviwa ababhala ezi mviwo ukuba alandele inkqubo efanayo emayisetyenziswe.
2.1.1 Ukuba kuvela imeko kaxakeka phambi kokuba abaviwa baqale ukubhala, mabangavunyelwa bangene kwindawo yokubhalela (kwiindawo zokubhalela) iimviwo bengakhange bayalelwe ukuba benjenjalo. Nakuba kunjalo, mabagcinwe bodwa bangadibani namanye amaqela yaye basoloko begadiwe.
2.1.2 Ukuba imeko kaxakeka ivela ngexesha abaviwa bebhala kwaye kucacile ukuba kunyanzelekile ukuba kuphunywe ngobungxamo egumbini lokubhalela uviwo, abaviwa mabawiselwe imiyalelo yokuba:

  • bashiye zonke iincwadi zivaliwe phezu kweedesika zabo;
  • baphume kwigumbi lokubhalela uviwo, kuphunywe kwigumbi ngalinye ngexesha, yaye ngalo lonke ixesha babe phantsi kweliso lomgadi wabaviwa (labagadi babaviwa) kunye nomgadi wabaviwa oyintloko, naphantsi kolawulo lwenqununu njengeyongameleyo. Kungacelwa nabanye ootitshala (ingengabo abo kubhalwa izifundo zabo) beze kuncedisa ekugadeni abaviwa.;
  • bangathethi okanye banxibelelane nabanye ngayo nangayiphi na indlela;
  • bangabinazincwadi, maphepha, njl. njl apho kubo;
  • bangabinaziselula apho kubo;
  • bahlale bethe cwaka kwindawo efanelekileyo kumhlaba wesikolo bebekwe ngokwahlukeneyo omnye komnye ukuze kungabikho nxibelelwano luqhubekayo phakathi kwabo;
  • babuyele ngenzolo bethe cwaka kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) xa benikwe imvume yokwenjenjalo baze baqhubeke nokubhala besusela apho bebeyeke khona.
2.1.3 Abaviwa mabanikwe elo xesha lisaleleyo kwelo belimiselwe ukuze bagqibe ukubhala uviwo, bakuba bebuyele kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) o.k.t. ixesha lilonke elabelwe iphepha elo, kophulwe ixesha abalisebenzise ekubhaleni phambi kokukhutshwa ngobungxamo.
2.2 Inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko kunye nabanye abagadi babaviwa mabagade abaviwa ngalo lonke ixesha. Ngamnye umgadi wabaviwa unoxanduva lokusoloko egade iqela labaviwa bakhe.
2.3 Kwimeko yokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo, makwaziswe umphathi wekomiti yesekethe okanye umlawuli we-ofisi yesithili semfundo sakho ngoko nangoko. Umphathi wekomiti yesekethe okanye elinye ilungu lekomiti elityunjelwe oko apho kwisithili, liya kuzama ukuya kwisikolo eso ngokukhawuleza ukuze liqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo sisikolo. Eli lungu lekomiti livela kwi-ofisi yesithili semfundo malijongisise yonke imeko ngoqwalaselo olukhulu ukususela kwixesha elifike ngalo kweso sikolo.
2.4 Ukungaphumeleli ukukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa ngokungqinelana ngqo nenkqubo ebekiweyo kuya kuchaphazela ukuthembeka koviwo njengolungenachaphaza kwaye kungakhokelela ekubeni kwenziwe amanye amalungiselelo, anjengokubhala elinye iphepha elitshintshwe apha naphaya ekupheleni kwethuba lokubhalwa kweemviwo okanye kubhalwe uviwo lokuxabangela (supplementary examination) ngoFebruwari/Matshi 2010.
2.5 Iinqununu mazixelele abaviwa ngesicwangciso sesikolo esenziweyo sokuqulela okungenzeka ukuba kuvele imeko efuna bakhutshwe ngobungxamo abaviwa kwanangeziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini enkulu abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngendlela eyiyo.
2.6 Kwimeko engalindelekanga mpela yokuba kufuneke ukuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iSebe iWCED liya kwazisa ngoko nangoko zonke iinqununu emva kokwenziwa kwesigqibo esinjalo. Kungafuneka elo phepha loviwo libhalwe emva komhla we-4 Desemba 2009.
3. Ulawulo lweemeko ezingayingozi
3.1 Iinqununu mazisebenzise olu luhlu lokutshekisha lulandelayo ukuzinceda ekuqapheleni iimeko ezingayingozi ekuqhutyeni kweemviwo zize ziqulunqe isicwangciso sazo solawulo lweemeko ezingayingozi kwangokunjalo.
3.2 Nakuphi na ukuphazamiseka kwenkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo ngelo xesha kufuneka kuxelwe ngoko nangoko komnye wala magosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni.

Amagosa ezitenxo zoviwo: Mnu J Parbhoo 021 467 2572
(Irregularity Officers) Mnu T Magwaca 021 467 2626
4. ISebe i-WCED lininqwenelela okuhle kodwa ngeli thuba lolu viwo luzayo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:01

ULUHLU LOKUTSHEKISHA ULAWULO LWEEMEKO EZINGAYINGOZI KWIIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE NEZEMFUNDO YABADALA KWINQANABA 4  (ubukhulu: 37 KB)