1. INTSHAYELELO
1.1 NgokweSetyhula 0025/2008, isithili ngasinye silindeleke ukuba sibe siyisekile ikomiti yokuvavanya izitenxo zeemvavanyo yesithili (DAIC) ungadlulanga owe-30 Septemba 2008.
1.2 I-DAIC (District Assessment Irregularities Committee (DAIC)) yikomiti elisetyana leKomiti yePhondo yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (Provincial Examinations Irregularities Committee (PEIC) kwaye iya kusebenza phantsi kolawulo lwePEIC, ize inike ingxelo qho kwiPEIC. I-PEIC iya kudibanisa iingxelo ezivela kuzo zonke ii-DAICs ize inike ingxelo kwiKomiti kaZwelonke yokuSingatha iZitenxo zeeMviwo (National Examinations Irregularities Committee).
1.3 I-DAIC iya kusingatha zonke izitenxo zeemvavanyo (assessment irregularities) kwinqanaba leGET, le-ABET nele-FET, kwaye iya kudlala indima ephambili ekusingatheni izitenxo ezimalunga nemisebenzi efanayo yeemvavanyo (common tasks for assessments) (CTAs), nezeZiseko zokuFunda (Foundations for Learning) neemvavanyo eziqhubekela ezikolweni (school-based assessments).
1.4 Injongo yale ngcaciso imfutshane kukunika isikhokelo malunga nokuba zilawulwe njani izitenxo zeemvavanyo kwizithili.
2. ISIKHOKELO SOKULAWULWA KWEZITENTO ZEEMVAVANYO KWISITHILI
2.1 Ukuqatshelwa nokunika ingxelo ngesitenxo esirhanelekayo
2.1.1 Isitenxo esirhanelekayo esichaphazela naziphi na iimviwo zikazwelonke, umz. ezeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ezeSatifikethi seMatriki neze-ABET Level 4, masixelwe ngoko nangoko kule dilesi ilandelayo kwaNdlunkulu:

Head: Education
Attention: M. Ludick (Room 5 - 29, 5th Floor)
Western Cape Education Department
Grand Central Building
Lower Parliament Street
Cape Town
8001

Ifoni: 021 467 2246
Ifeksi: 021 461 5637
Idilesi ye-imeyili: mmludick@pgwc.gov.za

2.1.2 Makunikwe ingxelo ngesitenxo esirhanelekayo esichaphazela iimvavanyo eziqhubekela esikolweni, iiCTAs, iimvavanyo zephondo zamaBakala 3, 6 no-9, njl.njl., kumphathi weze-IMG wesithili yaye i-ofisi yesithili mayazise uNdlunkulu.
2.1.3 Yakuba ingxelo engesitenxo ixelwe kwi-ofisi yesithili, makuvulwe idokethi (okanye ifayili), ngunobhala weDAIC. Isitenxo ngasinye masinikwe inombolo yetyala ethile (particular case number) kwaye ngalinye ityala malifakwe inombolo ngokwecandelo elichaphazelekayo, umz. Izitenxo zeGET mazinikwe iinombolo ngolu hlobo GET 1, GET 2, njl.njl. lo gama izitenxo zeFET zifakwa iinombolo ngolu hlobo FET 1, FET 2, njl.njl. Onke amatyala ezitenxo makabhalwe kuxwebhu oluyi-spread sheet yezitenxo yeWCED (jonga isiHlomelo A). Makusetyenziswe i-spread sheet esahlukileyo kwicandelo ngalinye.
2.2 Uphando nokunika ingxelo
2.2.1 Umphathi wekomiti yesekethe (CTM) wesithili esichaphazelekayo makalinike ityala igosa lophando (investigating officer). Igosa lophando malibe ngumntu onolwazi ngolo didi lwesitenxo. Umzekelo, ukuba isitenxo sichaphazela inqununu, umcebisi ngeze-IMG makenze uphando ngelo tyala; ukuba sichaphazela abafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo, amagosa eSLES makaqhube uphando.
2.2.2 Kufuneka uphando luqhutywe zingekapheli iintsuku ezintathu zokuqatshelwa kwesitenxo esirhanelekayo. Kufuneka kungeniswe ingxelo kwi-CTM ukwenzela uqinisekiso lomgangatho nokuqinisekisa ukuba uphando luqhutywa ngempumelelo kwaye ubungqina obufunekayo buqokelelwe.
2.2.3 Ingxelo mayinike inkcazo eneenkcukacha ezibanzi ngemvelaphi yesitenxo, amanyathelo athathiweyo, ubungqina obuqokelelweyo, iziphumo nesohlwayo esicetyiswayo. Ithemplethi yokunika ingxelo iqhotyoshelwe apha njengesiHlomnelo B.
2.2.4 Kucetyiswa ukuba kwangaphambi kwentlanganiso yeDAIC, ikomitana yangaphakathi yeDAIC, mayixoxe ngala matyala ize inike iingcebiso nangamanye amanyathelo anokuthathwa.
2.3 Ukwandlalwa kwamatyala ezitenxo kwiDAIC
2.3.1 Onke amatyala, iingcebiso ezinikiweyo nezizathu ezixhasayo mazandlalwe kwintlanganiso yeDAIC epheleleyo.
2.3.2 I-DAIC mayimisele isohlwayo njengoko kucacisiwe kwimimiselo (jonga iGazethi No. 31337, ka-Agasti 2008, amaphepha 152 - 158) kunye nakwimimiselo yolawulo nokuqhutywa kweeCTAs kwiBakala 9 (ISetyhula 0036/2008).
2.3.3 Iingcebiso ze-DAIC mazingeniswe kumlawuli wesithili ngenjongo yokuba azivume (for approval).
2.4 Ukuphunyezwa kwezigqibo nesohlwayo
2.4.1 Izigqibo neengcebiso zeDAIC mazaziswe loo mntu, eso sikolo okanye elo ziko ekwenziwa uphando ngalo zingekapheli iintsuku eziyi-30 zomsebenzi ukususela ekugqityweni kwetyala.
2.4.2 Unobhala weDAIC makalandelele ezo zigqibo aze angenise iingxelo qho kwiminyaka emibini (biannual reports) kwi-PEIC, ungadlulanga owe-15 Julayi nowe-15 Disemba kunyaka ngamnye. Ingxelo nganye mayibandakanye zonke izitenxo ezenzelwe uphando kwiinyanga ezi-6 ezidlulileyo
3. ISIPHELO
3.1 Apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe umzobo (flow diagram), njengesiHlomelo C, obonisa ukuba iDAIC mayenze njani na ukulawula izitenxo ngethuba lokubhala iimviwo.
3.2 Bayacelwa abalawuli bezithili ukuba bazise okukule ngcaciso imfutshane onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:11


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Excel ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
isiHlomelo A:  "WCED Irregularity Spreadsheet"  (ubukhulu: 88 KB)

Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
isiHlomelo B:  "Report on irregularities - Template"  (ubukhulu: 77 KB)
isiHlomelo C:  "Process for management of Irregularities at District Level (Guideline to the DAIC)" (ubukhulu: 20 KB)

"Gazette No. 31337, Annexure M:  Dealing with Discipline and Misconduct - Examination Irregularities"
(ubukhulu: 510 KB)