1. 1. Ngo-Apreli 2009, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), emva kokuba lifumene umyalelo ovela kwiSebe leMfundo kuzwelonke (National Department of Education), lathumela iSetyhula 18/2009 kuzo zonke izikolo lizazisa ukuba zitshintshiwe iimfuno zokuqhubela phambili (progression requirements) kumaBakala 1 - 8 neemfuno zokupasa (promotion requirements) zeBakala 9 ukuqala ngo-2009. Iimfuno ezintsha zazithetha ukuba owona mlinganiselo wenqanaba lokupasa usezantsi unyusiwe kwiilwimi nakwiMathematika kwiBakala 9.
2. Emva kokwazisa izikolo ngoJuni 2009 ngeemfuno ezintsha, iSebe i- WCED laxelelwa liSebe leMfundo likazwelonke ngo-Agasti 2009 ukuba iimfuno ezintsha ziya kuba zezinyanzelekileyo kuphela ngo-2010.
3. Oku kuthetha ukuba ngo-2009 kuya kuqhutyekwa nokuqhubela phambili nokupasa kumaBakala 1 - 9 njengoko bekunjalo kakade ngaphambili.
4. Ngo-2009 abafundi beBakala 9 baya kupasa baye kwiBakala 10 kuphela xa befumene uKhowudi 3 (40 - 49%) kulwimi olunye kwezo zaseburhulumenteni, kwiMathematika nakwezinye iinkalo zezifundo ezine. Kufuneka kwakhona bafumane uKhowudi 2 (30-39%) kolunye ulwimi lwaseburhulumenteni baze bazenze bazigqibe iimvavanyo zangaphakathi nezangaphandle zazo zonke iinkalo zezifundo zosibhozo.
5. ISebe i-WCED linqwenela ukucela uxolo kootitshala, ebazalini nakubafundi ngokuthumela imiyalezo ephikisanayo kunye nangenkxalabo engaba ibangelwe yiSetyhula 18/2009.
6. Nakuba kunjalo, kubalulekile ukuba bonke ootitshala, abazali nabafundi baziqhelanise neemfuno ezintsha eziya kuqala ukusebenza ukususela ngo-2010 kuye phambili.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:15