1. Ukumodareyitha yinkqubo yokuqinisekisa ukunyaniseka kwezixhobo zovavanyo, ukusingatha inkqubo yovavanyo ngendlela efanelekileyo engadlel' indlala omnye, efanayo kumntu wonke nokuthembeka kwezigqibo zovavanyo ezenziwa ngabo bonke ootitshala.
2. Le ngcaciso imfutshane iqulathe izikhokelo malunga nokumodareyithwa kwePhepha 4 loViwo loLwimi lweNkobe lwasebuRhulumenteni neeLwimi zoKuqala eZongezelelweyo zasebuRhulumenteni kunye nePhepha 3 loViwo lweeLwimi zeSibini eZongezelelweyo zasebuRhulumenteni ezifundiswayo ukulungiselela iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
3. Ezi zikhokelo kufuneka zifundwe kunye nala maxwebhu alandelayo:

  • National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF); (2005)
  • Subject Statements (Grades 10-12) for Official Languages, (2003);
  • National Protocol for Recording and Reporting Grade R-12- Addendum to NSC Policy (Grades 10-12), Gazette 29467(2006);
  • Learning Programme Guidelines for Languages Grade 10-12, (2005);
  • Learning Programme Guidelines for Languages Grade 10-12, (2008).
4. Injongo yezi zikhokelo ziqhotyoshelweyo zokumodareyitha unxibelelwano ngomlomo (isiHlomelo 1) kukuququzelela (coordinate) nokubeka mgangathweni mnye (standardise) uvavanyo lonxibelelwano ngomlomo kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abazali, abafundi nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:01


Isihlomelo 1: ISIKHOKELO SOKUMODAREYITHA IIMVAVANYO ZONXIBELELWANO LWE-ORALI KUZO ZONKE IILWIMI ZASEBURHULUMENTENI ZEEMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE  (ubukhulu: 30 KB)

"Annexure 2A: School information cover sheet"  (ubukhulu: 76 KB)