1. Intshayelelo
1.1 Ukumodareyithwa kweemvavanyo eziqhubekela kumaziko ngamagosa ezithili zemfundo yinkqubo ebalulekileyo yoqinisekiso lwemigangatho, njengoko ithi iqinisekise ukungqinelana nomgaqo-nkqubo yaye ivumele ukuba kunikwe inkcazo ngokuqhubekayo (feedback) exabisekileyo kootitshala nakubaphathi bamaziko.
1.2 Kukwenziwa kwakhona ukumodareyitha nokungqinisiswa liphondo ukwenzela ukungqinisisa ukuba ngaba kwenziwe ngendlela eyiyo na ukumodareyithwa kweemvavanyo eziqhubekela kumaziko nokuqinisekisa ukwenziwa ngokufanayo kwezinto kwizithili zonke.

2. Intlanganiso yokungqinisisa yephondo (Provincial verification meeting)
2.1 Intlanganiso yeSebe iWCED yokungqinisisa icwangciselwe ukuba iqhubeke ngolu hlobo lulandelayo:

  • Umhla: 29 - 30 Septemba 2009
  • Ixesha: 08:00 - 16:00
  • Indawo: kwi-Ofisi yeSithili seMfundo iWest Coast (ePaarl).
2.2 Iprogram yale ntlanganiso iqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane njengesiHlomelo A.

2.3 Ayacelwa amagosa ezithili ukuba eze ubuncinane neephothifoliyo ezi-3 kunye neencwadi zemisebenzi (workbooks) ezi-3 kwinkalo yesifundo nganye kuwo onke amaziko abhalisele uviwo luka-Oktobha/Novemba 2009. Ezi phothifoliyo mazingeniswe kwaye zikhethwe ngokungqinelana nezi mfuno zilandelayo:

  • 1 X Iphothifoliyo yomfundi nencwadi yemisebenzi enamanqaku ewonke eSBA aphakathi ko-70% no-100%;
  • 1 X Iphothifoliyo yomfundi nencwadi yemisebenzi enamanqaku ewonke eSBA aphakathi ko-40% no-69%;
  • 1 X Iphothifoliyo yomfundi nencwadi yemisebenzi enamanqaku ewonke eSBA angaphantsi kwe-40%.
2.4 ABacebisi ngezeKharityhulam be-AET mabeze nala maxwebhu alandelayo naya kusetyenziswa xa kungqinisiswa inkqubo kwisithili:

  • Iingxelo zokumodareyitha zeZithili zeMfundo - kubandakanywa neengxelo ezingentlanganiso yokumiselwa kwemigangatho nentlanganiso yokubeka esweni ebibanjelwe kwisithili;
  • Iifayile zokumodareyitha zoMcebisi ngezeKharityhulam we-AET ezineefom zokumodareyitha namaxwebhu emigaqo-nkqubo;
  • Iiphotifoliyo zootitshala kwiziko ngalinye, kwinkalo yesifundo nganye mazihanjiswe kunye neephothifoliyo zabafundi.
3. Bayacelwa aBacebisi ngezeKharityhulam be-AET ukuba beze kwiseshoni yokunika inkcazo ngokuqhubekayo njengoko kuphawulwe kwisicwangciso -nkqubo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:11

"Annexure A: Programme Provincial Moderation of ABET l4 Site-Based Assessment Tasks"  (ubukhulu: 34 KB)