1. Okufakwe apha ngaphakathi lucazululo lweziphumo ezifunyenwe ngabaviwa baseNtshona Koloni kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008.
2. Ngethuba lokumakisha ngoDisemba 2008, amanqaku afunyenwe ngumviwa ngamnye ombuzo ngamnye wephepha lemibuzo aye afakwa kwikhompyutha ukwenzela ukuba i-WCED ikwazi ukubonelela izikolo ngolu cazululo lweziphumo.
3. Abaphathi bezekharityhulam nabacebisi ngezekharityhulam baya kunikwa iinkcukacha-manani zephondo nezezithili zabo ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza iingcebiso zokunceda ootitshala ekubeni bakwazi ukusingatha imiba entsonkothileyo yeesilabhasi.
4. Olu cazululo nzulu lweziphumo lwenza ukuba isikolo ngasinye siqaphele apho abaviwa benze kakuhle khona nalapho bafumene ubunzima ukuphendula imibuzo.
5. Ezi nkcukacha-manani zifanele kwakhona ukunceda iinqununu kumsebenzi wazo wokuqinisekisa umgangatho womsebenzi owenziwa ezikolweni zazo.
6. Ezi nkcukacha-manani zibonisa oku kulandelayo ngokubhekiselele kwisikolo ngasinye:
  • Umahluko ngokwepesenteji ongaphezulu okanye ongaphantsi komndilili wephondo ofunyenwe ngabafundi baso kumbuzo ngamnye. Umahluko oyipesenteji enguphozithivu (positive percentage difference) ubonisa ukuba ipesenteji engumndilili ibingaphezulu komndilili wephondo, lo gama umahluko oyipesenteji engunegethivu (negative percentage difference) ubonisa ipesenteji engumndilili ongaphantsi komndilili wephondo.)
  • Inani labaviwa abazame ukuphendula umbuzo ngamnye.
  • Umahluko kwipesenteji yomndilili wamanqaku afunyenwe ngabaviwa kwiphepha lilonke nakumndilili wephondo (Oku kubonakala kwikholam yokugqibela).
7. Ootitshala abathatha inxaxheba ekufundisweni kwesifundo ngasinye kufuneka baxoxe ngezi nkcukacha-manani, baqaphele iinkalo abenze kakuhle kuzo nezo babe buthathaka kuzo, baze basebenzise le ngcaciso ekwenzeni isicwangciso samanyathelo okuphucula izifundo zabo kulonyaka.
8. Apho kuye kwaqatshelwa iingxaki ezinkulu kwisifundo, iintloko zezifundo maziqhagamshelane nabacebisi ngezekharityhulam ukufumana uncedo. Ziyakhuthazwa kwakhona iintloko zezifundo ukuba zithathe inxaxheba kunye nootitshala abachaphazelekayo kumagqiza ezifundo (subject groupings) akwizithili ezikuzo. Ootitshala ababaviwa babo bafumene impumelelo eyodwa kwimibuzo ethile bangacelwa ngumcebisi ngezekharityhulam ukuba banike ingcebiso kwizikolo ezingaqhubanga kakuhle.
9. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linengqiniseko yokuba izikolo ziya kuzuza lukhulu kule ngcaciso yezi nkcukacha-manani, nokuba iya kufaka igalelo ekuphuculeni umgangatho wemfundo eNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:22


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).