1.1 |
Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yezi Setyhula 0004/2008 no-0046/2008 kwaye injongo yayo kukucacisa ngolu xwebhu Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate ngokumalunga nokuphathwa kunye nokulawulwa kokutshintshwa kwezifundo kumaBakala 10, 11 nele-12.
|
1.2 |
Inkqubo yotshintsho lwazo zonke izifundo olwenziwe kumaBakala 10, 11 nele-12 mayicaciswe kumgaqo-nkqubo wovavanyo wesikolo. Maluphetshwe naluphi na utshintsho kumaBakala 11 nele-12, ngaphandle kokuba oko kuthathwa njengeyona nto eya kulungiselela umfundi ochaphazelekayo bhetele neya kuba yinzuzo kuye.
|
2. |
IINKQUBO ZOTSHINTSHO LWEZIFUNDO KUMABAKALA 10, 11 NELE-12
|
2.1 |
Umzali makafake isicelo ngencwadi ebhaliweyo kwinqununu, acele ukuba kutshintshwe isifundo aze atsho nesizathu (nezizathu) sokwenza eso sicelo. Kufuneka kufakwe kwileta leyo iinkcukacha zomfundi buqu, ezinjengedilesi nenombolo yesazisi.
|
2.2 |
Inqununu okanye umntu edlulisele kuye igunya mayiqinisekise ukuba umzali nomfundi bayaziqonda iziphumo eziya kubangelwa kukutshintshwa kwesifundo okuceliweyo.
|
2.3 |
Inqununu mayithetha-thethane nomfundi, nomzali okanye nomgcini womfundi, notitshala wesifundo ukuqinisikisa ukuba kuvunyelwene ngabo bonke ukuba ngaba olo utshintsho lwesifundo kuya kuba yeyona nto imlungiselela ngakumbi umfundi naya kuzuza lukhulu ngayo (in the best interest of the learner to change a subject).
|
2.4 |
Emva kothetha-thethwano lokwenene nasemva kokufikelela kwimvumelwano, umfundi, umzali okanye umgcini wakhe, utitshala wesifundo nenqununu mabasayine uxwebhu lwemvumelwano (memorandum of agreement) (IsiHlomelo A), olubonisa ukuba utshintsho lwesifundo lwenziwa kuba kuyeyona nto imlungiselela ngakumbi umfundi ochaphazelekayo.
|
2.5 |
Isikolo masigcine ifayili ekuya kugcinwa kuyo onke amaxwebhu alolu hlobo njengerekhodi.
|
2.6 |
Amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo anako ukucela la maxwebhu esikolweni nanini na.
|
3. |
INKQUBO YOKUVUNYWA KOTSHINTSHO LWEZIFUNDO KUMABAKALA 10, 11 NELE-12 UKUQALA NGO-2010
|
3.1 |
UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 10 UKUQALA NGO 2010
|
3.1.1 |
Elona nani likhulu lezifundo elinokutshintshwa zizifundo ezibini.
|
3.1.2 |
Izikolo mazibeke esweni ngenyameko enkulu inkqubo yomfundi ezifundweni kwiBakala 10 zize zenze utshintsho lwezifundo ngokuthetha-thethana nomzali (nabazali) kunye notitshala wesifundo ofanelekileyo.
|
3.1.3 |
Utshintsho lwazo zonke izifundo luya kuvunywa yinqununu yaye malwenziwe ngekhompyutha kwi-CEMIS.
|
3.1.4 |
Umhla wokuvalwa kwezicelo zotshintsho lwezifundo ezivela kubazali bezenza ezikolweni yi-30 Julayi.
|
3.1.5 |
Utshintsho lwazo zonke izifundo kwi-CEMIS malube sele lugqityiwe nge-16 Agasti.
|
3.2</td>
| UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 11 UKUQALA NGO 2010
|
3.2.1 |
Elona nani likhulu lezifundo elinokutshintshwa zizifundo ezibini.
|
3.2.2 |
Umhla wokuvalwa kwezicelo zotshintsho lwezifundo ezivela kubazali bezenza ezikolweni yi-30 Julayi.
|
3.2.3 |
Zonke izicelo zotshintsho lwezifundo kwi-CEMIS mazibe sele zigqityiwe nge-16 Agasti.
|
3.2.4 |
Inqununu iya kunika ingcebiso (recommend) size iSithili seMfundo sizivume izicelo zotshintsho lwezifundo ngekhompyutha apho olona suku lokugqibela kuyi-30 Agasti.
|
3.3 |
UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 12 UKUQALA NGO 2010
|
3.3.1 |
Kucetyiswa ukuba izikolo kwixesha elizayo maziqwalasele kuphela iimeko ezizodwa kakhulu okanye izicelo ezizodwa zotshintsho lwezifundo kweli nqanaba leBakala 12.
|
3.3.2 |
Elona nani likhulu lezifundo elinokutshintshwa sisifundo ESINYE QWABA
|
3.3.3 |
Zonke izicelo zotshintsho lwezifundo mazibe sele zenziwe ngekhompyutha kwi-CEMIS ngaphambi kwe-31 Januwari.
|
3.3.4 |
ISithili seMfundo siya kunika ingcebiso (recommend) ngazo zonke izicelo zotshintsho lwezifundo ingadlulanga i-15 Februwari.
|
3.3.5 |
Utshintsho lwazo zonke izifundo luya kuvunywa nguNdlunkulu .
|
4. |
Yakubanje i-Ofisi yeSithili seMfundo okanye uNdlunkulu ekuvumile ukutshintshwa kwesifundo, i-CEMIS iya kuhlaziywa ngokuzenzekelayo kuze ke kuthunyelwe i-imeyili esikolweni eso.
|
5. |
Kwiimeko ezizodwa kakhulu, xa kufika isicelo sokutshintsha izifundo ezingaphezu kwezibini kwiBakala 11 nezifundo ezingaphezu kwesinye kwiBakala 12, isikolo masingenise isicelo eso kwaNdlunkulu nemasingene nge-Ofisi yeSithili seMfundo ukwenzela ukuba sivunywe.
|
6. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba mazincede ziqinisekise ukuba bonke abafundi abachaphazelekayo babhaliswe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS.
|
7. |
Ayacelwa amagosa ee-Ofisi zeZithili zeMfundo neenqununu ukuba bonke bancede baxelele okubhalwe kule ngcaciso imfutshane yovavanyo ootitshala nabasebenzi babo, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:12
|