1. Le ngcaciso emfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0049/2008, yomhla we-8 Disemba 2008, eyayisazisa abaviwa beSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ngoncwadi olumiselwe ukufundwa oluza kuviwa ngoNovemba 2009 kude kube ngoMatshi 2012.
2. Amaphepha emibuzo oncwadi ePhepha 2 kuLwimi lweNkobe nakwiPhepha 2 kuLwimi loKuqala oLongezelelweyo kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni ezili-11 zeemviwo ze-NSC ngo-2009 aya kusetwa liSebe leMfundo likazwelonke okokuqala ngqa ngo-2009. Oku kuthetha ukuba amaphepha emibuzo oncwadi (iPhepha 2) kuLwimi lweNkobe nakuLwimi loKuqala oLongezelelweyo abaviwa abangesosigxina be-NSC nabaviwa abaphinda iBakala 12 ngo-2009 aya kuba liphepha elinye njengelo libhalwa ngabaviwa abasisigxina be-NSC ngo-2009.
3. Bonke abaviwa abangesosigxina nabaviwa abaphinda iimviwo zoncwadi zeBakala 12 (iPhepha 2) ngo-2009, ngako oko ke kulindeleke ukuba baphendule imibuzo kwiincwadi ezimiselwe ukufundwa kuzwelonke ngo-2009, njengoko kubonisiweyo kwiSetyhula 0049/2008.
4. Kwimeko yeeLwimi zeSibini eZongezelelweyo (Second Additional Languages (SAL)), abevi bephondo beSebe leMfundo leNtshona Koloni baya kusetela abaviwa beSebe iWCED, amaphepha oncwadi njengoko iincwadi ezimiselwe ukufundwa ze-SAL zingafani kumaphondo ngamaphondo. Iincwadi ezimiselwe ukufundwa zeeLwimi zeSibini eZongezelelweyo zifakwe kuluhlu kwisiHlomelo H seSetyhula 0049/2008.
5. Kucelwa iinqununu zezikolo ziqiniseke ukuba bonke abaviwa abangesosigxina, abaviwa abaphinda iBakala 12 nootitshala abachaphazelekayo bayaxelelwa ngokukule ngcaciso imfutshane, ukwenzela ukuba abaviwa balungiselelwe iimviwo zoncwadi ze-NSC ngo-2009.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:30