2. |
Njengangaphambili, ngamagosa akwizithili kwaNdlunkulu nabameli baka-UMALUSI abaya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa koviwo. |
3. |
Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl. |
4. |
Abaphathi bamaziko emfundo yabadala mabaqiniseksie ukuba abagadi babaviwa abazintloko kunye nabagadi babaviwa bamaziko abo baqeqeshiwe yaye bayakwazi ukukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo. |
5. |
Ngumsebenzi wabaphathi bamaziko emfundo ukusingatha imibandela yezolawulo. Ngako oko ke, bonke abaphathi bamaziko mababe kumaziko oviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye. |
6. |
Akukho mntu makavunyelwe angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo ngaphandle kokuba aqale aveze isazisi (ID) okanye ileta yokuvunyelwa ukubhala uviwo. |
7. |
Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba: |
7.1 |
banike bonke ootitshala nabaviwa ithayimthebile ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zoviwo; |
7.2 |
bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ukubhala uviwo, phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye; |
7.3 |
banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimvavanyo zabo egameni leli Sebe leMfundo. |
8. |
Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abasebenzi babo kunye nabafundi. |
ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:05
|