1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukucacisa ngee-Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, Annexure A, uMhlathi 1 no-2, amaph. 62 - 63, ngokumalunga nabafundi abangaphumelelanga ukuthobela iimfuno ezingummiselo ze-SBA.
2. Iziphumo zomfundi zithathwa njengezingaphelelanga ukuba akakho kuwo onke amacandelo e-SBA, o.k.t. akazange enze naliphi na kumacandelo amanqaku e-SBA. Umfundi akayi kufumana ziphumo kuba akazanelisanga iimfuno ezingummiselo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
3. Kwiimeko apho umviwa angezanga ukuza kwenza icandelo elithile le-SBA:
3.1 Apho kunikwe isizathu esibambekayo, umviwa makalinikwe elinye ithuba lokuwenza awugqibe umsebenzi we-SBA. Ukuba umviwa akakwazi ukubakho ukuze enze icandelo elithile le-SBA kwaye nesizathu soko samkelekile, amanqaku e-SBA omviwa aya kuthi ke ngoko abalwe ngokususela kumacandelo enziweyo. Kubalwa awona manqaku aphezulu, lingafakwa icandelo elo umviwa afumene ukuxolelwa ekwenzeni umsebenzi walo.

UMZEKELO 1: ISIZATHU ESIBAMBEKAYO

  ICandelo 1 ICandelo 2 ICandelo 3 ICandelo 4 ICandelo 5 Ewonke
Amanqaku aphezulu 25 20 20 30 25 120
Amanqaku omfundi 12 Abaxolelweyo 8 23 Abaxolelweyo 43
Awona manqaku aphezulu omfundi 25   20 30   75

Amanqaku e-SBA = (12 + 8 + 23)/75
= 43/75 x 100
= 57%

Le pesenteji yokuphela konyaka mayitshintshelwe kumanqaku apho itotali yamanqaku ewonke ingu-120 ngolu hlobo lulandelayo:

Amanqaku e-SBA = 57/100 x 120
= 68

La manqaku (68/120) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.

3.2 Apho kunganikwanga sizathu sibambekayo, umviwa akanikwa manqaku ngelo candelo le-SBA.

UMZEKELO 2: AKUKHO SIZATHU SIBAMBEKAYO

  ICandelo 1 ICandelo 2 ICandelo 3 ICandelo 4 ICandelo 5 Ewonke
Amanqaku aphezulu 2 20 20 30 25 120
Amanqaku omfundi 12 Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi 8 23 Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi 43

Amanqaku e-SBA = (12 + 0 + 8 + 23 + 0)/120
= 43/120

La manqaku (43/120) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.

4. Ukuba umviwa ebengekho kuwo onke amacandelo e-SBA kwaye kungekho sizathu sibambekayo sanikwayo, makubhalwe le khowudi 444 kwimakhishithi ye-SBA. Umfundi onekhowudi 444 kuya kufuneka aphinde sonke isifundo kunyaka olandelayo.
5. Ukuba umviwa wayengekho kuwo onke amacandelo e-SBA yaye kwanikwa sizathu esibambekayo, makubhalwe le khowudi 999 kwimakhishithi. Umfundi ekubhalwe kuye ikhowudi 999 uya kunikwa iinyanga ezintathu ukususela kumhla wokupapashwa kweziphumo ukuba angenise imisebenzi ye-SBA esikolweni ukuze ivavanywe. Ukungaphumeleli ukungenisa i-SBA lingadlulanga ithuba leenyanga ezintathu alinikiweyo, oko kuya kukhokelela ekubeni umfundi asiphinde sonke isifundo.
6. Ii-Ofisi zeZithili zeMfundo maziqinisekise ukuba ezi khowudi zombini, u-444 no-999, zisetyenziswa ngokufanelekileyo ukwahlula ngokwamacandelo abafundi abasenamanqaku e-SBA abangekawangenisi.
7. Ayacelwa amagosa ee-Ofisi zeZithili zeMfundo neenqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abasebenzi babo, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:24

Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate:
Annexure A
 (ubukhulu: 50 KB)