2. |
Iziphumo zomfundi zithathwa njengezingaphelelanga ukuba akakho kuwo onke amacandelo e-SBA, o.k.t. akazange enze naliphi na kumacandelo amanqaku e-SBA. Umfundi akayi kufumana ziphumo kuba akazanelisanga iimfuno ezingummiselo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. |
3. |
Kwiimeko apho umviwa angezanga ukuza kwenza icandelo elithile le-SBA: |
3.1 |
Apho kunikwe isizathu esibambekayo, umviwa makalinikwe elinye ithuba lokuwenza awugqibe umsebenzi we-SBA. Ukuba umviwa akakwazi ukubakho ukuze enze icandelo elithile le-SBA kwaye nesizathu soko samkelekile, amanqaku e-SBA omviwa aya kuthi ke ngoko abalwe ngokususela kumacandelo enziweyo. Kubalwa awona manqaku aphezulu, lingafakwa icandelo elo umviwa afumene ukuxolelwa ekwenzeni umsebenzi walo.
UMZEKELO 1: ISIZATHU ESIBAMBEKAYO
|
ICandelo 1 |
ICandelo 2 |
ICandelo 3 |
ICandelo 4 |
ICandelo 5 |
Ewonke |
Amanqaku aphezulu |
25 |
20 |
20 |
30 |
25 |
120 |
Amanqaku omfundi |
12 |
Abaxolelweyo |
8 |
23 |
Abaxolelweyo |
43 |
Awona manqaku aphezulu omfundi |
25 |
|
20 |
30 |
|
75 |
Amanqaku e-SBA |
= (12 + 8 + 23)/75 = 43/75 x 100 = 57% |
Le pesenteji yokuphela konyaka mayitshintshelwe kumanqaku apho itotali yamanqaku ewonke ingu-120 ngolu hlobo lulandelayo:
Amanqaku e-SBA |
= 57/100 x 120 = 68 |
La manqaku (68/120) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.
|
3.2 |
Apho kunganikwanga sizathu sibambekayo, umviwa akanikwa manqaku ngelo candelo le-SBA.
UMZEKELO 2: AKUKHO SIZATHU SIBAMBEKAYO
|
ICandelo 1 |
ICandelo 2 |
ICandelo 3 |
ICandelo 4 |
ICandelo 5 |
Ewonke |
Amanqaku aphezulu |
2 |
20 |
20 |
30 |
25 |
120 |
Amanqaku omfundi |
12 |
Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi |
8 |
23 |
Abangaxole-lwanga ngokungenzi umsebenzi |
43 |
Amanqaku e-SBA |
= (12 + 0 + 8 + 23 + 0)/120 = 43/120 |
La manqaku (43/120) aya kurekhodwa kwishedyuli ye-SBA.
|
4. |
Ukuba umviwa ebengekho kuwo onke amacandelo e-SBA kwaye kungekho sizathu sibambekayo sanikwayo, makubhalwe le khowudi 444 kwimakhishithi ye-SBA. Umfundi onekhowudi 444 kuya kufuneka aphinde sonke isifundo kunyaka olandelayo. |
5. |
Ukuba umviwa wayengekho kuwo onke amacandelo e-SBA yaye kwanikwa sizathu esibambekayo, makubhalwe le khowudi 999 kwimakhishithi. Umfundi ekubhalwe kuye ikhowudi 999 uya kunikwa iinyanga ezintathu ukususela kumhla wokupapashwa kweziphumo ukuba angenise imisebenzi ye-SBA esikolweni ukuze ivavanywe. Ukungaphumeleli ukungenisa i-SBA lingadlulanga ithuba leenyanga ezintathu alinikiweyo, oko kuya kukhokelela ekubeni umfundi asiphinde sonke isifundo.
|
6. |
Ii-Ofisi zeZithili zeMfundo maziqinisekise ukuba ezi khowudi zombini, u-444 no-999, zisetyenziswa ngokufanelekileyo ukwahlula ngokwamacandelo abafundi abasenamanqaku e-SBA abangekawangenisi. |
7. |
Ayacelwa amagosa ee-Ofisi zeZithili zeMfundo neenqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane abasebenzi babo, abazali nabafundi ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:24
|