1. INTSHAYELELO
1.1 Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loVavanyo (Assessment Management Minute) yenzelwe ukucacisa ezinye zezinto eziya kwenzeka ezichatshazelwe yiSetyhula 0018/2009.
1.2 IBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers) (CEM)) likuvumile ukuphunyezwa kweemfuno ezimiselweyo zokuqhubela phambili (progression) nokupasa ukuqalela ngo-2009. Esi sigqibo ke ngoko sisemthethweni kwaye sibophelela zonke izikolo.
1.3 UMgaqo-nkqubo we-GET woVavanyo osetyenziswayo ngoku (iGazethi No 29626 ka-2007) uyahlaziywa ukwenzela ukuba ubandakanye iimfuno ezimiselweyo ezintsha zokuqhubela phambili nokupasa.
1.4 KumaBakala 1-8, kusasebenza umqathango wokuqhubela phambili kumabakala alandelayo. KwiBakala 9, umfundi upasa ngokususela kumsebenzi wabo orekhodiweyo kwimisebenzi yovavanyo (assessment tasks).

2. UKUQHUBELA PHAMBILI KUMABAKALA 1 - 8
2.1 Iimfuno ezimiselweyo zokuqhubela phambili kuzwelonke ezikhankanywe kwiSetyhula 0018/2009 zinika indlela ecace gca kootitshala ukuba itshekishwa ize ibonwe njani (how to measure) inkqubo yabafundi ngexesha lonke lokuqhubeka konyaka kunye nokwenza izigqibo zokugqibela malunga nokuqhubela phambili komfundi.
2.2 Zonke iinkalo zezifundo ezikhankanyiweyo zinyanzelekile kumaBakala 1 - 8 yaye bonke abafundi kufuneka bagqibe zonke iimvamvanyo eziqhubekela esikolweni (school-based assessments (SBA)) kuzo zonke iinkalo zezifundo.
2.3 NgokweGazethi kaRhulumente 29626 ka-2007, "Eneneni eyona nto enqwenelekayo, bonke abafundi abakumaBakala 1 - 8 kukuba baqhubele phambili kunye noontanga babo", kwaye le nkqubo isaza kuqhubeka njengoko kusaphunyezwa iimfuno ezimiselweyo zokuqhubela phambili nokupasa. Nasiphi na isigqibo malunga nokuqhubela phambili kwibakala elilandelayo simele ukusekelwa kubungqina bomsebenzi womfundi obuthathwa kwimisebenzi yovavanyo erekhodiweyo.
2.4 Akukho mfundi makahlale kwisigaba esinye ngaphezulu kweminyaka emine (okanye iminyaka emihlanu kwimeko yeSigaba seSiseko apho kufundiswa iBakala R), ngaphandle kokuba iNtloko yeSebe leMfundo ivumile oko ngokususela kwiimeko ezithile nangenxa yeengcebiso zeengcali.
2.5 Kwimeko apho umfundi afuna ixesha elithe kratya lokuba aphumelele, izigqibo ziya kwenziwa ngokusekelwe kwingcebiso yabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo: ootitshala, abafundi, abazali neenkonzo zokunika inkxaso ezemfundo (education support services) (ESS)).
2.6 Ukuqatshelwa kwangoko kwabafundi abasemngciphekweni kubaluleke gqitha kwaye iindlela zongenelelo ngoncedo mazenziwe ngokukhawuleza kangangoko.

3. UKUPASA KWINQANABA LEBAKALA 9
3.1 Ukupasa kwenzeka kuphela kwinqanaba leBakala 9 kwiCandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training) (GET) Band)).
3.2 Zonke iinkalo zezifundo ezisibhozo zinyanzelekile kwaye bonke abafundi kufuneka bagqibe lonke uvavanyo oluqhubekela esikolweni (SBA) namacandelo ovavanyo lwangaphandle kuzo zonke iinkalo zezifundo.
3.3 Ukuze apase kwiBakala 9, umfundi kufuneka apase ubuncinane ezi zinto zilandelayo:

a)ULwimi lweNkobe okanye i-LoLT4 (50 - 59%)
b)INkalo yeSifundo 24 (50 - 59%)
c)INkalo yeSifundo 34 (50 - 59%)
d)INkalo yeSifundo 43 (40 - 49%)
e)INkalo yeSifundo 53 (40 - 49%)
f)INkalo yeSifundo 6 (iMathematika)3 (40 - 49%)

Kucelwa niqaphele oku: Umfundi angafumana ngaphantsi kwe-40% kwiinkalo zezifundo 7 no-8 kodwa noko kunjalo apase, phantsi komqathango wokuba iimfuno zokupasa ezikhankanywe apha ngasentla kwiinkalo zezifundo ezintandathu uzihlangabezile.

3.4 Icandelo lomgaqo-nkqubo ophathelele ekunyenyisweni nasekuxolelweni kwabafundi kwizifundo ezithile liyaqulunqwa njengangoku yiYunithi yeMfundo eBandakanya Bonke aBafundi (Inclusive Education Unit) kwiSebe leMfundo likazwelonke.

Iilwimi zithathwa njengenkalo yesifundo enye ukulungiselela iinjongo zokupasa. Ngako oko ke LUNYE kuphela kwezo lwimi zifundwa ngumfundi omaluthathelwe ingqalelo xa kusenziwa izigqibo zokupasa.


4. IILWIMI: AMABAKALA 1-9
4.1 I-LoLT lulwimi lokufunda nokufundisa olusetyenziswa ngumfundi kweso sikolo sithile. Ezi meko zilandelayo zinikelwe ukucacisa iimfuno ezimiselweyo zokuqhubela phambili nokupasa ngokumalunga noLwimi lweNkobe neLoLT:

NoImekoI-LoLT yesikoloISigaba seSisekoISigaba esiPhakathiISigaba saBadala
4.1.1Umfundi wenza isiNgesi HL nesi-Afrikansi uLwimi lokuQala oLongezelelweyoIsiNgesiUmfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-3 kuLwazi lokuFunda nokuBhala.Umfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-3 kwisiNgesi HL.Umfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-4 kwisiNgesi HL.
4.1.2Umfundi wenza isiNgesi HL nesi-Afrikansi HLIsi-AfrikansiUmfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-3 kuLwazi lokuFunda nokuBhala. Umfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-3 nokuba kukwisiNgesi okanye kwisi-Afrikansi, njengoko zombini zikwinqanaba le-HL.Umfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-4 nokuba kukwisiNgesi okanye kwisi-Afrikansi, njengoko zombini zikwinqanaba le-HL.
4.1.3Umfundi wenza isiXhosa HL nesiNgesi uLwimi oLongezelelweyo.IsiNgesiUmfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-3 kuLwazi lokuFunda nokuBhala.Umfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-3 nokuba kukwisiXhosa HL okanye kwisiNgesi FAL.Umfundi makafumane iKhowudi yokuReyitha u-4 nokuba kukwisi-Xhosa HL okanye kwisiNgesi FAL.

4.2 Kwimeko yezikolo apho kusetyenziswa iilwimi zokufundisa ezimbini ngokulinganayo (parallel medium of instruction), makujongwe i-LoLT yomfundi ukulungiselela iinjongo zokupasa.

5. UKUREKHODA NOKULUNGISELELA UKWENZIWA KWEERIPOTI
5.1 AmaBakala 1 - 8 aya kusebenzisa ishedyuli (mark schedule) njengoko yathunyelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwiSetyhula 0049/2007.
5.2 IBakala 9 liya kuqhubeka neprogram ecwangciswe ngokomgaqo yokuvavanya kwikota yesithathu.
5.3 CTA: ICandelo A neCandelo B aya kwenziwa kwikota yesine ngo-2009.
5.4 Ngo-2009, iCandelo A le-CTA novavanyo oluqhubekela esikolweni (SBA) ziya kwenza i-75% yamanqaku okupasa ewonke kwiBakala 9 kwinkalo yesifundo nganye. ICandelo A le-CTA liya kuba yi-10% luze uvavanyo oluqhubekela esikolweni lube yi-65% yamanqaku e-SBA okuphela konyaka.
5.5 ICandelo B le-CTA liya kuthi ke ngoko libe yi-25% yamanqaku okupasa okuphela konyaka kwinkalo yesifundo nganye.
5.6 Zonke izikolo ziya kufumana ishedyuli (mark schedule) eyikopi yekhompyutha ehlaziyiweyo yeBakala 9 ngekota yesithathu. Le shedyuli ehlaziyiweyo iya kuba nezi nguqulelo zikhankanywe apha ngasentla.

6. Kucelwa niqaphele ukuba ukususela ngo-2010 ukuya phambili, izikolo ziya kwenza iCandelo A le-CTA ngekota yesibini yaye zenze iCandelo B ngekota yesine.
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali kunye nabo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:02

iGazethi kaRhulumente No 29626 of 2007: National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the GET Band
(ubukhulu: 947 KB)