1. 1. Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMvavanyo, ifakela izilungiso kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMvavanyo 0007/2009 neNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo neeMvavanyo 0001/2009.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifumene iifoni ezininzi ezivela kwiinqununu zezikolo ezithe zavakalisa ukuba ukubhalwa kweCandelo A lemisebenzi yoVavanyo eFanayo (CTAs) kwiKota yesi-3 ka-2009, kungabangela iingxaki ezininzi njengoko sele zenziwe zagqitywa iiprogram zezikolo zazo zekota yesithathu kwaye kwaxelelwa abafundi nabazali ngazo.
3. Ngaphezu koko, kude kube ngoku, iSebe iWCED alikawufumani umthwalo opheleleyo wee-CTAs (full package of CTAs) ovela kwiSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (Isebe Mfundo likazwelonke) (DoE)
4. Sele ke ngoko kuthathwe isigqibo apha kwiSebe iWCED, sokuba iCandelo A lee-CTAs libhalwe kwiKota 4 ka-2009, njengoko kwakunjalo kwiminyaka egqithileyo.
5. ICandelo B lee-CTAs liya kubhalwa nalo kwiKota 4 ngokungqinelana nethayimthebhile enyanzelekileyo esetwe liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke (DBE). Imihla ekucetywa ukubhala ngayo iCandelo B, iqalela kwi-16 - 30 Novemba 2009.
6. Ngokutsho kweSebe iDBE, ukususela ku-2010, iCandelo A lee-CTAs liya kubhalwa kwiKota 2.
7. Bayacelwa abalawuli bezithili zemfundo, abaphathi bezekharityhulam neenqununu ukuba bazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-TINA SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:21