1. Intshayelelo

Ukulawulwa nokuqhutywa kovavanyo oluqhubekela esikolweni kukhankanywe kolu xwebhu Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (Government Gazette No 31337, August 2008).

2. Iimfuno ngokubanzi zovavanyo oluqhubekela esikolweni
2.1 Uvavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment (SBA)) licandelo elinyanzelekileyo lamanqaku okupasa ekupheleni konyaka kwabo bonke abaviwa ababhalisele iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
2.2 Kulindeleke ukuba wonke umfundi alungise iphothifoliyo yobungqina ukubonisa imisebenzi ayenzileyo kuvavanyo oluqhubekela esikolweni. Kwenziwa iphothifoliyo eyahlukileyo kwisifundo ngasinye aze amanqaku anikwa umfundi enze i-25% yamanqaku okupasa ekupheleni konyaka.
2.3 Kwimeko yesifundo soLwazi ngezoBomi, amanqaku okupasa ekupheleni konyaka asuselwa kuvavanyo oluqhubekela esikolweni kuphela.
2.4 Kufuneka ootitshala benze iprogram emiselweyo yovavanyo (formal programme of assessment) kwisifundo ngasinye nakwibakala ngalinye.
2.5 Indlela oluqulunqwa ngayo (composition) uvavanyo oluqhubekela esikolweni kuzo zonke izifundo ichazwe kwiZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines) ezichaphazelekayo.

3. Indlela aqulunqwe ngayo amanqaku e-SBA
3.1 Iphothifoliyo katitshala yovavanyo mayibe yirekhodi epheleleyo yovavanyo kwisifundo eso yaye mayigcinwe ngutitshala ngesifundo ngasinye esifundisiweyo ngokumalunga neSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Ezi phothifoliyo ziya kumodareyithwa kumanqanaba ngamanqanaba (esikolweni, kwindibano yezikolo ezisebenzisanayo (cluster), kwiphondo nakuzwelonke) apha enyakeni.
3.2 Ukungaphumeleli kukatitshala ukugcina iphothifoliyo yovavanyo nokwenza yonke imisebenzi yovavanyo njengoko ibonisiwe kwiSikhokelo soVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guideline) sisenzo sokuziphatha kakubi kwaye siya kusingathwa ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala, uMthetho 76 ka-1998 (Employment of Educators Act, Act 76 of 1998).
3.3 Ukungabikho kwamanqaku e-SBA kuso nasiphi na isifundo, ngaphandle kwesizathu esibambekayo, kungabangela ukuba loo mfundi ubhaliselwe eso sifundo sithile, afumane iziphumo ezingaphelelanga.
3.4 Kwimeko apho umfundi angangqinelananga neemfuno ezingummiselo ze-SBA, kodwa anike isizathu esibambekayo, makuqatshelwe oku kulandelayo:
3.4.1 Umfundi unokunikwa elinye ithuba lokuba avavanywe kumsebenzi/kwimisebenzi enikiweyo ebudeni bonyaka.
3.4.2 Apho umfundi aneziphumo ezingaphelelanga, kufuneka loo mfundi, zingadlulanga iinyanga zekhalenda ezintathu emva kokuba zikhutshiwe iziphumo zeemviwo, angenise umsebenzi ongekangeniswa okanye aze buqu ukuza kwenza uvavanyo oluqhubekela esikolweni;
3.4.3 Inqununu yesikolo mayiqinisekise ukuba olo vavanyo lolunokuthenjwa (credible);
3.4.4 Imisebenzi yovavanyo mayimodareyithwe kwinqanaba lesithili.
3.5 Izizathu ezibambekayo kule meko zibandakanya oku kulandelayo:
3.5.1 Ukugula, omakuxhaswe yincwadi kagqirha (medical certificate), ekhutshwa ngugqirha obhalisiweyo;
3.5.2 Izizathu zovelwano (humanitarian reasons), ezibandakanya ukusweleka komntu osondeleyo wosapho, ezixhaswa sisatifikethi sokubhubha (death certificate);
3.5.3 Umfundi ovele enkundleni kwiingxoxo zetyala, omakuxhaswe oko bubungqina obubhaliweyo;
3.5.4 Naso nasiphi na esingesinye isizathu njengoko sinokwamkelwa njengesibambekayo yiNtloko yeSebe leMfundo okanye ngummeli wayo.
3.6 Kwimeko apho umfundi angaphumeleliyo ukungqinelana neemfuno ezingummiselo ze-SBA zesifundo esithile, nalapho kunikwe izizathu ezibambekayo, ubungqina bezo zizathu zibambekayo mabufakwe kubungqina obubonisa imisebenzi eyenziwe ngumfundi ukulungiselela ukunikwa ithuba lokongezelela (supplementary opportunuty).

4. Amanqaku angekangeniswa
4.1 Kwimeko apho umfundi angekhoyo eluviweni okanye angalugqibanga uvavanyo lwe-SBA enesizathu esibambekayo (with a valid reason) makubhalwe le khowudi "999" kwimakhishithi yaye apho umfundi angekhoyo eluviweni okanye angalugqibanga uvavanyo lwe-SBA kungekho sizathu esibambekayo (without a valid reason) makubhalwe le khowudi "444" kwimakhishithi.
4.2 Apho umfundi ebengekho ngenxa yezizathu ezibambekayo, imisebenzi yovavanyo engekangeniswa mayingeniswe lingaphelanga ithuba elikhankanyiweyo leenyanga ezintathu.

5. Ubude bethuba lokusetyenziswa kwe-CASS

Amanqaku ovavanyo oluqhubekela esikolweni afunyenwe ngumfundi ophinda uviwo lwakhe lokugqibela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke aya kusebenza ngokusemthethweni (be valid) ithuba leminyaka emithathu.

6. Isiphelo

Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala, abafundi nabazali abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:30


Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (Government Gazette No. 31337, August 2008)
 
Complete document  (ubukhulu: 2 212 KB)
or
  Document without the Annexures  (ubukhulu: 773 KB)
  Annexures A - N  (ubukhulu: 660 KB)
  Annexures M - O  (ubukhulu: 695 KB)