1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhuba kwakhona uphando ngemigangatho yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala kubo bonke abafundi beBakala 3 kweli phondo ngo-Oktobha nangoNovemba 2008. Oku kuya kuba lityeli lesine lokwenza uvavanyo ukususela ngo-2002.
2. Mazincede iinqununu ziqaphele ukuba ezi ziMvavanyo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED Assessment Tests) kwaye AZIZIZO iimvavanyo zokuVavanya iNkqubo yeMfundo (NOT the Systemic Evaluation tests) ezenziwa liSebe leMfundo likazwelonke (national Department of Education).
3. Injongo yolu Vavanyo lweBakala 3 kukulinganisa indima eyenziwe ngabafundi ngokujonga impumelelo yabo kunye nenkqubela abayenzileyo ekufikeleleni kwimigangatho eyiyo yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala. Kwakhona olu vavanyo luza kunceda ekulungiseni undonakele (remedial function) luze luncedise iSebe iWCED ekucwangciseni umsebenzi wokunika inkxaso nophuhliso ezikolweni.
4. Olu vavanyo lwabafundi beBakala 3 luza kususela kwimigangatho echazwe kolu xwebhu lweSebe iWCED (Benchmarks for Literacy and Numeracy and the National Curriculum Statement) (NCS)).
5. Sele eqalisiwe amalungiselelo oku yaye ziya kwaziswa zonke izikolo ezinabafundi beBakala 3 kungekudala ngenkqubo eza kulandelwa zize zinikwe nezinye iinkcukacha zezolawulo.
6. Njengoko bekunjalo kuvavanyo lwangaphambili ngo-2006, kuza kuvavanywa ngo-2008 iqela liphela labafundi beBakala 3.
7. Ziyacelwa izikolo ukuba zimana kuhlaziya qho iinkcukacha zabafundi bazo beBakala 3. kwi-CEMIS (update regularly their Grade 3 learner details on CEMIS). IRejista yoVavanyo lwaBafundi beBakala 3 (Grade 3 Assessment Learner Register) iya kuba kwi-CEMIS ukwenzela ukuba izikolo ziyizalise zize ziyiprinte kwiintsuku ezimbini ngaphambi kosuku lovavanyo. IRejista yoVavanyo lwaBafundi iya kuba sele ifumaneka ekuqaleni kweKota yesiThathu. Ukunenzela lula, abafundi kwiRejista yoVavanyo lwaBafundi baya kubhalwa ngolandelelwano lwe-alfabhethi eziklasini. (Umlawuli we-CEMIS makaprintele ootitshala beBakala 3 iRejista yoVavanyo lwaBafundi ukuze bayitshekishe ngocoselelo baze bafake kwiikholam naziphi na izilungiso zeempazamo. Qaphela: Utitshala weBakala 3 ochaphazelekayo makazalise iikholam ezifanelekileyo. Zakuba nje zigqityiwe, umlawuli we-CEMIS makafake yonke ingcaciso ayifumene kootitshala beBakala 3 kwikhompyutha aze ayiseyivele (save it) kwi-CEMIS kwiRejista yoVavanyo lwaBafundi beBakala 3.)
8. Kuya kufakwa kwakhona kwi-CEMIS iKhweshine yeeNqununu neKhweshine yooTitshala yabo bonke ootitshala beSigaba seSiseko (Principal Questionnaire and Teacher Questionnaire for all Foundation Phase teachers) ukwenzela ukuba izaliswe ize iprintwe kwiintsuku ezimbini ngaphambi kosuku lovavanyo ibe sele inikwa uMlawuli woVavanyo (Test Administrator). Oku kuya kuba sele kufumaneka ekuqaleni kweKota yesiNe.
9. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane, ngakumbi ootitshala beBakala 3 ukuze bakuthathele ingqalelo
10. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467 2286 okanye ithunyelwe kuye nge-imeyili apha rcornelissen@pgwc.gov.za.
11. Ziyakhunjuzwa izikolo kwakhona ukuba iZiphumo zoVavanyo lweBakala 6 (Grade 6 Assessment Results) zika-2007 zifakwe kwi-CEMIS phantsi kwesi sihloko "REPORTS".

Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho.



ISAYINWE: NGU-A SIYENGO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:19