1. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho linoxanduva lokuququzelela zonke iisistim zokulawulwa kwemigangatho kwiSebe i-WCED. Eli Candelo lilo emaliqinisekise ukuba zonke ezi sistim ziyasebenza nokuba zonke ezi sistim ziphunyezwa ngempumelelo, ngendlela eyiyo nangokukhawuleza.
2. Injongo yale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loQinisekiso lweMigangatho 0007/2008 kukukhumbuza bonke ootitshala namagosa ezithili ngezinto emazenziwe ngokweKhalenda ye-IQMS yooTitshala ka-2008.
3. UKULINGANISWA KWENTSEBENZO
3.1 Bayakhunjuzwa bonke ootitshala ukuba, ngokweKhalenda yooTitshala ye-IQMS ka-2008, uvavanyo oluquphayo (summative evaluation) luqala ngo-Agasti 2008 kwaye lumele ukugqitywa phambi kwe-31 Oktobha 2008.
3.2 Iinqununu neeSDT ziyakhunjuzwa ukuba yonke imisebenzi yokumodareyitha nezolawulo apho esikolweni ngokumalunga namanqaku ovavanyo oluquphayo alowo nalowo titshala imele ukugqitywa phambikwe-14 Novemba 2008.
3.3 Inqununu neCEO yeziko ngalinye eliphantsi kolawulo lweSebe i-WCED luphezu kwamagxa ayo uxanduva lokuqinisekisa ukuba ayangeniswa amanqaku ovavanyo oluquphayo abo bonke ootitshala abakwiziko elo abahlawulwa liSebe i-WCED.
3.4 Imeko njengoko injalo ngoku (status quo) malunga neenqununu namasekela-nqununu ihleli ingatshintshanga kumjikelo ka-2008 yaye kufuneka kungeniswe amanqaku aba titshala. Funda le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loQinisekiso lwemiGangatho 0006/2008.
3.5 Inqununu inoxanduva lokumodareyitha amanqaku ovavanyo oluquphayo ootitshala apho esikolweni.
3.6 Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba inkqubo yokumodareyitha kwimeko ye-IQMS yinkqubo yokungqinisisa ukunyaniseka kwamanqaku afunyenweyo ngokuwathelekisa nemigangatho yentsebenzo, iinkqubo nemigaqo emiselweyo kwiMvumelwano 8 ka-2003, 4 no-5 ka-2005 yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane eMisebenzini (ELRC). Injongo yezi nkqubo imele ibe kukuqinisekisa ukuba iinkqubo nemigaqo, njengoko ziqulethwe kwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi, kungqinelwana nazo ngokupheleleyo.
3.7 Umcebisi we-IMG unoxanduva lokumodareyitha amanqaku esampula ootitshala ezikolweni kwisekethe iphela. Umphathi wekomiti yesekethe unoxanduva lokumodareyitha amanqaku azo zonke iinqununu kwisekethe iphela.
3.8 Ziyacelwa iinqununu ukuba zisebenzisane naBaququzeleli be-IQMS kwii-ofisi zezithili zemfundo, njengoko beya kwenza amalungiselela nazo zonke izikolo ezikwi-ofisi yesithili semfundo okuqokelela amaxwebhu ayimfuneko ovavanyo oluquphayo (summative evaluation) ngo-2008. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho liya kunxibelelana ngqo neekholeji zeFET ngokumalunga noku.
3.9 ISebe leMfundo likazwelonke likubeka esweni ukuphunyezwa kwe-IQMS ngokungqinelana neeMvumelwano neMibutho yaBasebenzi. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba konke oku kubekwe esweni ngendlela eyiyo nokuqinisekisa ukuba kuyangqinelwana nayo yonke imigqaliselo ngethuba lokuphunyezwa kwe-IQMS, iSebe leMfundo likazwelonke (DoE) liqeshe iimodareyitha zangaphandle kuwo onke amaphondo.
3.10 Okuqhotyoshelwe apha yileta esuka kwiDoE ecacisa imisebenzi neemfanelo zeemodareyitha.
3.11 Ikomiti yokumodareyitha yangaphandle ekwiphondo yenziwa ngumphathi weprojekthi omnye noya kulawula imisebenzi yeemodareyitha ezine eziya kwenza utyelelo kwizikolo ezahluka-hlukeneyo kweli phondo.
3.12 Umphathi weeprojekthi uya kwazisa izikolo kwangaphambi ngotyelelo esikolweni ekuza kuyiwa kuso yaye uya kunika izikolo uluhlu lwamaxwebhu ayimfuneko, ekufuneka isikolo siwangenise.
3.13 Kufuneka iimodareyitha ziqinisekise umgangatho kuzo zonke iinkqubo nemigaqo, njengoko ziqulethwe kwiMvumelwano 8 ka-2003 ye-ELRC. Iinqununu zazo zonke izikolo nee-ofisi zezithili zemfundo kulindeleke ukuba zisebenzisane neemodareyitha kwaye zizinike amaxwebhu afanelekileyo ukuze ziwaphicothisise xa aye acelwa.
4. IZICWANGCISO ZOKUPHUCULWA KWEZIKOLO
4.1 Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zenze isiCwangciso soPhuhliso lweSikolo (School Improvement Plan) (SIP) sika-2009 ngokungqinelana neeNkalo ezili-9 ekuGxilwe kuzo. Zonke izikolo ke ngoko ziya kunyanzeleka ukuba zenze inkqubo yokuZivavanya kweSikolo ngoKwaso (School Self-Evaluation) (SSE) njengengxam yenkqubo yokuqokelela idatha nengcaciso yokwenene yokubhala iSIP.
4.2 Umququzeleli we-IQMS uya kunika zonke izikolo kwizithili ngezithili zemfundo ithempleyithi apho kuya kuzaliswa khona iSIP. Zonke izikolo mazisebenzise ithempleyithi efanayo.
4.3 Zonke izikolo zaseprayimari mazingenise iSIP ungadlulanga owe-28 Novemba 2008 uze umhla wokungeniswa kwayo zizikolo eziphakamileyo ube yi-30 Januwari 2009.
4.4 I-SIP luxwebhu olubonisa injongo yokuza kwenziwa sisikolo. IKomiti yeSekethe mayixhase isikolo eso ukuze sifikelele kwiinjongo neethagethi ezikwiSIP. Bonke abachaphazelekayo (stakeholders) kufanele ke ngoko bavumelane ngeeprogram zophuhliso ezikwiSIP.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:07

Letter from DoE  (ubukhulu: 74 KB)