1. Sinqwenela ukuvakalisa umbulelo wethu kuzo zonke izikolo ngokungenisa izicwangciso zazo zophuculo lwesikolo (school improvement plans (SIPs)) ngo-2008. Ilizwi elilodwa lombulelo libhekiswa kwabo bathi bangenisa ii-SIP ezenziwe izilungiso apha naphaya ukulungiselela imeko yesikolo eso zihamba kunye neethagethi. Njengangoku sele nisazi ukuba i-SIP luxwebhu olungundoqo olunika isikhokelo kwimisebenzi yophuculo esikolweni.
2. Sikhuthaza isikolo ngasinye ukuba siphumeze i-SIP yaso ka-2008.
3. Ukulungiselela u-2009, iSebe i-WCED liye lazibekela injongo yokuba liqinisekise ukuba ngasinye isikolo sibe ne-SIP neethagethi zonyaka wezifundo ka-2009. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho, lisebenzisana kunye nee-ofisi zezithili zemfundo, seliqalisile ukusebenza lijolise kule njongo.
4. Kuza kuthathwa la manyathelo alandelayo ukuqinisekisa ukuba ngasinye isikolo saseprayimari singenisa i-SIP yaso eneethagethi ungadlulanga owe-28 Novemba 2008, nokuba ngasinye isikolo esiphakamileyo singenisa i-SIP yaso ungadlulanga owe-31 Januwari 2009:
  • Kuza kubakho iiseshoni zengcaciso ezinge-SIP ka-2009 eziza kwenzelwa iinqununu neekomiti zolawulo lwezikolo (school management teams).
  • Izikolo ziza kunikwa inkxaso zii-ofisi zezithili zemfundo okanye liCandelo loQinisekiso lweMigangatho.
  • ICandelo loQinisekiso lweMigangatho liza kuqeqesha amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo ukuba abe nokunika inkxaso ezikolweni.
  • Kuza kubekwa esweni inkqubela ejolise ekuphumezeni iithagethi zikaNovemba noJanuwari.
5. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho liyavuma ukuba izikolo zineprogram yonyaka kwaye yiloo nto kuthunyelwa esi saziso kwangethuba kuzo zonke izikolo. Kungekudala, iCandelo loQinisekiso lweMigangatho liza kuthumelela izikolo isicwangciso sezolawulo esineenkcukacha ezibanzi (detailed management plan), nemihla.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU- LJ ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:05