1. NgokweMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 8 ka-2003 (Collective Agreement 8 of 2003), isikolo ngasinye simele ukungenisa isicwangciso sokuphucula isikolo (SIP) esibonisa imisebenzi eya kwenziwa sisikolo ukwenzela ukuphucula intsebenzo yesikolo eso siphela. Okokuqala, ukuphuculwa kwentsebenzo kuboniswa ziziphumo zabafundi eziya zisiba bhetele (improved learner achievement). Sinqwenela ukubulela zonke izikolo ezithe zawanelisa lo mqathango wemvumelwano nemibutho yabasebenzi.
2. Ukususela ngoko, uMthetho oFakela iziLungiso kwiMithetho yeMfundo, 2007, (uMthetho 31 ka-2007) (The Education Laws Amendment Act, 2007 (Act 31 of 2007)) wapasiswa yipalamente ngoDisemba 2007. Lo Mthetho ufuna ukuba izikolo zilungise ze zingenise isicwangciso sokuphucula isikolo kwizifundo (academic performance improvement plan (APIP) kwiNtloko yeMfundo yePhondo. Apha eNtshona Koloni kugqitywe ekubeni i-SIP iya kusetyenziselwa ukubonisa ingcaciso efunwa yi-APIP. Izizathu zoku zezi zilandelayo:
  • Zonke izikolo sele zizigqibile ii-SIP zazo.
  • Kungaba lula kwizikolo ukwenza izilungiso kwi-SIP ngokuthi zinike ingcaciso ecaciswe kwisiHlomelo B.
  • I-SIP iya kuba nayo yonke ingcaciso, kunye neethagethi zokupasa kwabafundi, ngcaciso leyo efunwa sisikolo ukuze sibe nokusebenza ngokudibeneyo sijolise kwimisebenzi yaso.
  • Amagosa esithili anika inkxaso aya kubanako ukusebenzisa i-SIP njengomthombo obanzi onezinto zonke anokusekela kuzo uphuhliso lwesikolo nenkxaso yawo kwisikolo eso.
3. Ziyacelwa ke ngoko, izikolo ukuba ziphinde zijonge ii-SIP zazo (QA 8 no-QA 9) ukuze zenze ezi zilungiso zilandelayo:
3.1 Isihloko esithi "Izalathi-ntsebenzo" (Performance Indicators) kwi-QA9 masitshintshwe kuze kubhalwe "Iithagethi", yaye ke ngoku le kholam mayisetyenziselwe ukubonisa iithagethi zomsebenzi ochaphazelekayo.
3.2 "Iithagethi" zeNkalo ekuJoliswe kuyo: IMpumelelo yaBafundi zibaluleke gqitha ukulungiselela injongo ye-SIP ne-APIP, nangona zibalulekile iithagethi zazo zonke ezinye iiprayorithi.
4. Apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe oku kulandelayo:
  • Ithemplethi ye-SIP efakelwe izilungiso [QA8 & QA9] (IsiHlomelo A)
  • Isikhokelo (IsiHlomelo B & B1) esibonisa ezo zinto zinxulumene nempumelelo yabafundi ekunokumiselwa kuzo iithagethi. Esi sihlomelo sikwabandakanya umzekelo olungiselelwe izikolo eziphakamileyo.
5. Nanjengoko izilungiso kwi-SIP yakho zingayi kuba ninzi kangako, kodwa nakuba kunjalo ziya kuphucula ngakumbi imisebenzi yakho yokwenza bhetele iziphumo, uyacelwa ke ngoko ukuba wenze lo msebenzi wokumisela iithagethi ngokukhawuleza. Kucelwa ungenise i-SIP yakho eyenziwe izilungiso kweli gosa lilandelayo phambi komhla okanye ngomhla wama 20 Matshi 2008:

Umququzeleli we-IQMS kwisithili sakho

6. Siyathemba ukuba lo msebenzi uya kuziphucula ngakumbi iinzame zokusebenza ngokudibeneyo kwesikolo ngasinye.


ISAYINWE: NGU-S. GALANT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:05

Isihlomelo A (Annxure A)  (ubukhulu: 37 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 68 KB)
Isihlomelo B1 (Annexure B1)  (ubukhulu: 10 KB)