1. ICandelo loQinisekiso lwemiGangatho linqwenela ukubulela zonke izikolo ngentsebenziswano yazo ngo-2007 kwaye, apho kufanelekileyo, ngokuhlonela imihla esikiweyo yeKhalenda ye-IQMS yooTitshala ngo-2007.
2. ICandelo loQinisekiso lwemiGangatho lilawula yonke imisebenzi ye-IQMS neenkqubo zangaphakathi kwizikolo zeSebe iWCED.
3. Ukuqeqeshwa kwabaqalayo ngqa kwinkqubo yokuphumeza uqeqesho luxanduva lwee-SDT. Ukuncedisa izikolo, iSebe iWCED liya kunika iiseshoni ezimfutshane kuqeqesho olunzulu kulo lonke upohondo zabaqalayo ngqa ukuphumeza inkqubo. Umqondisi we-IQMS kwiofisi yesithili ngasinye uyakwazisa abathathi nxaxheba ngendawo,ixesha nomhla woqeqesho.Zonke iiseshoni ziyakuqala ngentsimbi yesibini (iiyure ezi-3).
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ootitshala abachaphazelekayo ukuba baye kwezo seshoni. Ifomu yobhaliso (isHlomelo A) iqhotyoshelwe apha kwaye mayizaliswe ngabo bonke abathathi nxaxheba ukuncedisa ekuqukunjelweni kwamalungiselo.Nceda zonke ifom ezizalisiweyo mazithunyelwe nge feksi kumququzeleli we- IQMS wesithili eso phambi komhla wesi 8 ku Februwari 2008.
5. ISebe iWCED liya kwenza intlawulo yebango libe linye ngesikolo ngasinye ukuba umthathi-nxaxheba uhambe (abathathi-nxaxheba bahambe) ngaphezu kwe-100 km ukuya kumasifundisane.
6. Bayakhunjuzwa bonke ootitshala ukuba inkqubo yoVavanyo lokwaNdlalela yoMlinganiselo weNtsebenzo (Baseline Evaluation of the Performance Measurement) (PM) yabaqalayo ngqa ukuphumeza inkqubo ifanele ukuba igqityiwe phambi kwe-20 Matshi 2008.
7. Ziyakhunjuzwa iinqununu nee-SDT ukuba iifom ze-QA5 ne-QA7 zabo bonke ootitshala abahlawulwa liSebe iWCED, iitheraphisti, iisayikholojisti eziphumeza okokuqala ngqa iMvumelwano 8 ka-2003 phakathi koMqeshi noMqeshwa (Collective Agreement 8 of 2003), kunye neeMvumelwano 4 no-5 zika-2005 ngokulandelelanayo kufanele zifike kuMququzeleli we-IQMS wesithili phambi okanye nge-18 April 2008.
8. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba zingazingenisi iifom QA7 no-QA7i nge-imeyili okanye ngefeksi, njengoko kuyifom yentsusa (original) ezalisiweyo ye-QA7 okanye ye-QA7i eya kwamkelwa. Ukulibaziseka kwenkqubo yokungeniswa kwamaxwebhu kuya kukhokelela ekufakweni kade kwamanqaku ovavanyo oluquphayo (summative scores) abo titshala bachaphazelekayo.
9. Akukho siShwankathelo soXwebhu lwaManqaku (i-QA7 ne-QA7I) samanqaku okwandlalela (Summary Score Sheets (QA7 and QA7I for the baselines)) siya kuvunywa emva kwe-18 April 2008.
10. IziCwangciso zoPhuculo lweSikolo (School Improvement Plans) (SIPs)) zifanele ukufakelwa izilungiso ukuze zibandakanye neemfuno zabaqala inkqubo okokuqala ngqa apho esikolweni.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:06

Ifomu yobhaliso  (ubukhulu: 9 KB)