1. Ukufakwa kweedatha yokupasa kwabafundi kwi-CEMIS kuya kuba nokwenziwa ukususela ngoMvulo we-17 Novemba 2008.
2. Le nkqubo iya kufana naleyo yonyaka ophelileyo (2007)

3. Kucelwa uqinisekise ukuba KUPHELA ngabafundi ababhaliswe esikolweni nabaya kufumana iziphumo zokupasa zokugqibela (final promotion result) esikolweni abavelayo kwiCEMIS.
3.1 Nawuphi na umfundi omkileyo esikolweni waya kwesinye isikolo makakhutshwe kwiCEMIS.
3.2 Nawuphi na umfundi oye kwelinye iphondo okanye ilizwe makakhutshwe kwiCEMIS.
3.3 Nawuphi na umfundi okhoyo esikolweni sakho kodwa engekho kwiCEMIS, makafakwe kwiCEMIS ukuze avele njengomfundi okhoyo njengangoku esikolweni sakho.
3.4 Konke ukutshekishwa nokukorekishwa/nokulungiswa (checking and correcting) kweenkcukacha zabafundi esikolweni kufuneka kugqitywe ukwenziwa ngoLwesihlanu we-14 Novemba 2008 kuba ukutshintshwa okanye ukubhaliswa kwiCEMIS AKUNAKO ukwenziwa xa iCEMIS itshintshela kwi-promotions mode ukususela ngoMvulo we-17 Novemba 2008.

4. Ukufakwa kweenkcukacha zokupasa (promotion results) ekhompyutheni
4.1 Ikhesa (cursor) mayijonge ku-"Promotions 2008" uze uklikhe ku-"Promotion summary".
4.2 Klikha kwi-hyperlinked grade (blue) ofuna ukufaka kuyo idatha yee-promotion results. Kuya kuvela uluhlu lwamagama abafundi bebakala elo.
4.3 Ungakhetha iqela leeklasi (class group) kwibakala, ukuba ufuna ukufaka ii-promotion results zabafundi ngeklasi nganye. Kukho i-class selector kumntla wesikrini esivulekayo (upper section of the screen that opened.)
4.4 Kukho amanyathelo amathathu okunika (allocating) ii-promotion results kumfundi okanye kwiqela labafundi.
4.4.1 Tshekisha umfundi (Klikha kwi-tick box ecaleni kwegama lomfundi). Iqhosha -"Check all", ngentla kwamanani, likuvumela ukuba utshekishe bonke abafundi ngaxeshanye. Iqhosha u-"Uncheck all" lisusa iithikhi kumagama abafundi.
4.4.2 Khetha i-promotion result esebenzayo kubafundi abatshekishwayo (abakhethiweyo) (checked (selected) learners). Ezi ndidi zinokukhethwa zezi:Ready to Progress (RP), Not ready to progress (NRP) kumaBakala 1 - 8 lo gama kuya kuvela u-Promoted (P), okanye u-Not Promoted (NP), kubafundi bamaBakala 9 - 11.
4.4.3 Klikha ku-submit button.
4.4.4 Itheyibhile ipromotion summary table iya kusoloko ibonisa ukuba ngaba ipromotion status inikwe bonke abafundi kusini na. Inani labafundi ekusafuneka lifumene ipromotion status liya kuboniswa ngenombolo eblowu kwikholam engasekhohlo. Xa ikholam engasekhohlo ino-0 (ooziro) kuwo onke amabakala, oku kuthetha ukuba bonke abafundi banikwe i-promotion result.
4.5 Abafundi abazii-borderline cases makwazise ngabo uMcebisi ngeze-IMG, banokufakwa ngokunjalo phambi kokuba inqununu idibane noMcebisi ngeze-IMG. Kungongezwa nenqakwana (note) ukufaka nayiphi na ingcaciso ebalulekileyo ngomfundi inqununu engathanda ukuba iqwalaselwe nguMcebisi ngeze-IMG xa esenza isigqibo ngepromotion result yomfundi. Umcebisi ngeze-IMG uya kunika ipromotion status kubafundi abazii-borderline cases.
4.6 Abafundi bebakala ipre-grade R neBakala R kwiCEMIS baya kupasa bonke (be promoted automatically) baye kwibakala elilandelayo. Isikolo masibonise ukuba ngabaphi na abafundi amabaphinde ibakala ngokukhetha abafundi nokutshintsha i-promotion status ibe ngu-NRP.
4.7 Inqununu mayiyilawule le nkqubo ngohlobo oluya kuqinisekisa ukuba i-promotion result efakiweyo kwiCEMIS kumfundi ngamnye ingqinelana twatse ne-promotion result evela kwishedyuli yesikolo i-school promotion schedule. Ukufakwa kwepromotion result makwenziwe ngocoselelo nangokuchanekileyo. Inqununu mayibenako ukubonisa uMcebisi ngeze-IMG ukuba iishedyuli iischool promotion schedules kwibakala ngalinye ziyangqinelana neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules.

5. I-CEMIS promotion schedule
5.1 Emva kokugqitywa kwee-promotion results zabo bonke abafundi kwibakala kwaza kwatshekishwa ukuchaneka kwazo, kungaprintwa ishedyuli yokugqibela iCEMIS promotion schedule.
5.2 Le shedyuli mayinikwe uMcebisi ngeze-IMG kunye neshedyuli yesikolo yokupasa kwabafundi ischool promotion schedule. Inqununu mayibenako ukubonisa uMcebisi ngeze-IMG ukuba iishedyuli zesikolo neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules ziyangqinelana.
5.3 Makungqinwe ukuba abafundi abakwi-NRP okanye kwi-NP kwishedyuli yesikolo bayangqinelana namagama akwishedyuli kwiCEMIS yaye bane-promotion status efanayo.
5.4 Ukuba kukho naluphi na utshintsho kwishedyuli ischool promotion schedule (le yeyona shedyuli engundoqo (master schedule), ngosuku lokudibana koMcebisi ngeze-IMG nenqununu ukuba bagqibe wonke umsebenzi baze basayine (finalise and sign off) iischool promotion and progressions, malwenziwe olo utshintsho kwangokunjalo nakwiprogram yekhompyutha i-online CEMIS promotions program.
5.5 Inqununu noMcebisi ngeze-IMG mabasayine bobabini iishedyuli ezingqina ukuchaneka kwamaxwebhu baze ke ngaloo ndlela bawenze la maxwebhu iirekhodi ezisemthethweni zamabakala ne-promotion status yomfundi ngamnye.
5.6 Inqununu mayinike uMcebisi ngeze-IMG enye ikopi esaniyiweyo yeshedyuli yokupasa yokugqibela yesikolo (final signed school promotions schedule). Le kopi yeyokusetyenziswa yi-EMIS kwaNdlunkulu kwaye iya kuthathwa kwi-ofisi yesithili semfundo.

6. Niyabulelwa ngomsebenzi onzima eniwenzileyo nangentsebenziswano yenu kulo nyaka wonke. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Abakulawulo lweCEMIS bakunqwenelela wena, kunye nekomiti yolawulo nabafundi okuhle kodwa nempumelelo kwiimviwo nakulawulo ngeli thuba liseleyo kulo nyaka.
8. Ukuba ufuna noluphi na uncedo, okanye unemibuzo, qhagamshelana noMcebisi ngeze-IMG okanye umlawuli weCEMIS kwi-ofisi yesithili semfundo sakho okanye kwaNdlunkulu.


ISAYINWE: NGU- SH MAFANGA-KIBI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:11