1. ISistim yoLawulo lweNgcaciso yezeMfundo (Education Management Information System) (EMIS) eMzantsi Afrika kufuneka iqokelele, ilungise ize isasaze idatha engemfundo yezikolo ukwenzela ukuba kujongwe ukusebenza kwenkqubo yemfundo, kubekwe esweni ukuphunyezwa kwemigaqo-nkqubo, kuqinisekiswe ulwabiwo ngokulinganayo kwezibonelelo (equitable distribution of resources) nokulandelela ukulungiswa kokungalingani kwexesha eligqithileyo (redress of previous inequalities).
2. UMphathiswa weMfundo kuzwelonke uyalele ukuba ukususela nge-18 Julayi 2008 kwenziwe isaveyi yeMathematika neFizikhali Sayensi kuwo onke amaphondo ukubonisa imeko ekuyiyo ezikolweni.
3. Le saveyi kufuneka yenziwe kuzo zonke izikolo eziqhelekileyo, ezikarhulumente nezizimeleyo, ezifundisa nawo nawaphi na okanye onke la maBakala 10, 11 no-12.
4. NgokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, uMthetho 84 ka-1996, isahluko 7, iSiqendu 59 (2) "Ngasinye isikolo masinike ingcaciso ngokumalunga nesikolo njengoko inokufunwa ngokufanelekileyo yiNtloko yeSebe leMfundo."

Imfuno yokungqinisisa ingcaciso isusela kuMthetho oFakela iziLungiso kwiMithetho yeMfundo, ka-2007, (The Education Laws Amendment Act, 2007), ngokufakelwa kweSiqendu 16A kuMthetho 84 ka-1996, iSiqendu 16A, 2(g): "… INqununu mayinike idatha echanekileyo iNtloko yeSebe leMfundo xa iye yacelwa ukuba yenjenjalo."
5. Kwiphondo leNtshona Koloni le saveyi iya kwenziwa kwikhompyutha ngeCEMIS. Izikrini ekufakwa kuzo iinkcukacha (capture screens) sezenziwe kwiCEMIS nezivumela ukuba kufakwe iinkcukacha ezifunwa yisaveyi.
6. Zizikolo zikarhulumente ezingama-352 nezikolo ezizimeleyo ezingama-71 emazizalise le saveyi nekufuneka zenze oku kulandelayo:
6.1 Logisha kwiCEMIS. Kukho umyalezo kwesinye sezikrini zokuvula ocebisa omakwenziwe.
6.2 Yisa ikhesa yakho kule ayithem yemenyu "Surveys" kwiCEMIS uklikhe ku-"Maths and Physical Science/Capture Screens".
  • Bhala ngoonobumba abakhulu (usebenzise iphepha i-LANDSCAPE) kwiphepha ngalinye lamaphepha eesaveyi ulinike inqununu. Inqununu isengawudlulisela komnye lo msebenzi wokuzalisa le saveyi, kodwa yiyo ethwele uxanduva lokuchaneka kwedatha enikiweyo.
  • Inqununu mayisayine amaphepha azalisiweyo, nekufuneka efakwe kwikhompyutha ngumsebenzi wesikolo ofaka iinkcukacha kwiCEMIS.
  • Le datha mayifakwe ngokuchanekile kwiCEMIS.
  • Umsebenzi ofaka iinkcukacha kwikhompyutha makaprinte amaphepha ekhompyutha esaveyi azalisiweyo, awanike inqununu ukuze iwasayine ize ifayilishe apho esikolweni amaphepha entsusa (original pages) namaphepha aprintiweyo, njengoko angafuneka ukulungiselela iinjongo zokubalwa.
  • Makuzaliswe iphepha LOKUBONISA UKUBA UGQIBILE (SIGN OFF) kwiCEMIS. Umhla obonisa ukuba ugqibile uya kuboniswa ecaleni kwecandelo ngalinye lesaveyi.
  • Makuzaliswe isaveyi yekhompyutha engeniswayo.
7. Le saveyi mayifakwe kwikhompyutha sekusondele kakhulu owe-18 Julayi 2008 kangangoko kunokwenzeka. Inkqubela enxulumene nokuzaliswa kwesaveyi ekhompyutheni iya kubekwa esweni, njengoko le datha kufuneka ingeniswe kwiSebe leMfundo likazwelonke ukuze kube nokungeniswa iingxelo kuMphathiswa weMfundo kazwelonke.
8. Ziyabulelwa kusekwangoku iinqununu namagosa ngokungenisa kwazo isaveyi yekhompyutha yeMathematika neFizikhali Sayensi yezikolo zazo engadlulanga owama-31 Julayi 2008.
9. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ekulawuleni le saveyi.


ISAYINWE: NGU-A. SIYENGO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:15