1. Kufuneka eMzantsi Africa iNkqubo yoLawulo lweNgcaciso engeMfundo (Education Management Information System) (EMIS) yokuqokelela, ukulungisa nokusasaza idatha engemfundo ezikolweni ukwenzela ukuvavanya indlela oluqhuba ngayo uhlobo lwemfundo esetyenziswayo (performance of the education system), ukubeka esweni ukuphumelela kwendlela ephunyezwa ngayo imigaqo-nkqubo ukuze kuqinisekiswe ulwabiwo ngokulinganayo kwezibonelelo ngokuthi kunikwe amanani achanekileyo obhaliso lwabafundi yaye kulandelelwe ukuba ingakanani na indima eyenziweyo ukulungisa ukungalingani kwethuba langaphambili.
2. Ukwenzela ukuphucula i-EMIS kwilizwe lonke, iSebe leMfundo kuzwelonke livelise iNkqubo yeYunithi yokuLandelelwa kweNgcaciso engeeRekhodi zaBafundi kuzwelonke (national Learner Unit Record Information and Tracking System (i-LURITS))). Le nkqubo iya kusetyenziswa ekuqokeleleni idatha nganye yomfundi ngamnye (individual data of each learner) kwizikolo eziqhelekileyo nezo zemfundo eneemfuno ezizodwa ukususela kwiBakala R ukuba kwiBakala 12 yaye iya kulandelela ukuhamba kwabafundi ukusuka kwesinye isikolo baye kwesinye ngalo lonke ixesha lokufunda kwabo ezikolweni. Kuya kumana kusandiswa qho ukuphunyezwa kwale nkqubo ezikolweni ngokwezigaba ngezigaba (implemented incrementally) ziiyunithi ze-EMIS zamaphondo ukususela ngoJuni 2008 ukuya phambili.
3. Nganye iYunithi ye-EMIS yephondo iya kuququzelela ukuphunyezwa kwenkqubo yokulandelelwa kwabafundi kwizikolo zelo phondo. KwiPhondo leNtshona Koloni iirekhodi zalowo nalowo mfundi zabafundi abakuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa nakwezinye izikolo ezizimeleyo sele zifakwe kwi- CEMIS. I-CEMIS iya kwenza amalungiselelo okuba zonke izikolo ezizimeleyo ezingekafakwa zifakwe nazo kwi-CEMIS kwaye babe nokulandelelwa abafundi bazo. Izikolo ezizimeleyo ziya kwaziswa nge-CEMIS zize ziqeqeshwe ekuyigcineni yonke i-CEMIS isebenza ngendlela efanelekileyo.
4. Idatha engabafundi ekwi-CEMIS iya kufakwa kwikhompyutha kazwelonke i-LURITS neya kuvumela ukulandelelwa kwabafundi kwilizwe liphela. Inkqubo kazwelonke ifuna ukuba kufakwe idatha engabafundi echanekileyo, ekufuneka ingqinwe (signed off) yinqununu nganye, ize ifakwe kwi-LURITS. Bonke abafundi ababhalisileyo baya kungqinwa ngokudlula kuqala kwi- LURITS.
5. I-LURITS iqhagamshelwe ngqo (directly linked) kwi-SA-SAMS (South African School Administration and Management System), eyiphakheji ebanzi kakhulu yolawulo lwezikolo olusebenza ngekhompyutha (comprehensive computerised school administration package). U-SITA (State Information Technology Agency) olawula le projekthi egameni leSebe leMfundo kuzwelonke, uvelise inkqubo yonxibelelwano ngeefayili (file communication system) phakathi kwe-SA-SAMS ne-LURITS. KwiPhondo leNtshona Koloni zonke izikolo ziqhagamshelwe kwi-CEMIS kwaye liya kuqhubeka eli phondo ukungqina (sign off) ukuchaneka kwedatha yalo kwi- CEMIS. I-CEMIS iya kuyifaka idatha yephondo kwi-LURITS yaye izikolo zePhondo leNtshona Koloni aziyi kusebenza ngqo ngokwazo ne-LURITS. Umlawuli we-LURITS wephondo uya kwenza lonke uqhagamshelwano phakathi kwe-LURITS ne-CEMIS.
6. Yimfuno engummiselo kwilizwe lonke ukuba zonke izikolo zinike yonke idatha engabafundi kwinkqubo yeyunithi yokulandelelwa kwengcaciso engeerekhodi zabafundi kuzwelonke engadlulanga uDisemba 2009.
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga neli phulo.


ISAYINWE: NGU-SH MAFANGA-KIBI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:20