1. Ngo-2001 i-WCED yaqalisa isicwangciso esasijolise ekusebenziseni unxibelelwano nge-Intanethi ngeyona ndlela inenzuzo enkulu. Esi siCwangciso se-E-com senza amalungiselelo ezi zinto zilandelayo:
  • Ukupapashwa kwamaxwebhu ngekhompyutha endaweni yokusetyenziswa kwamaphepha (hard copies)
  • Ukuthunyelwa nokwamkelwa kwamaxwebhu nge-emeyili endaweni yeposi yesiqhelo.
2. Ngenxa yesi sicwangciso, kwaveliswa iSistim yokuThumela iPosi ngeKhompyutha (Electronic Mailing System) ukulungiselela ukuthumela nge-imeyili iisetyhula, iingcaciso ezimfutshane zezolawulo nezinye izaziso kuzo zonke izikolo, amaziko nakubantu ababhaliswe kwisistim.
3. Ngoku kufuneka kuphuculwe isistim ibe yisistim esebenzisa iziko ledatha eliqhagamshelwe kwi-EMIS. Ngenxa yesi sizathu, zonke izikolo, amanye amaziko nabantu abadla ngokufumana iposi evela kwisebe lemfundo mabathi, ukususela ngoku ukuya phambili, baxele lonke utshintsho lweedilesi, zombini eye-imeyili okanye eyeposi, ngqo kwicandelo le-EMIS kwaNdlunkulu, ukuze oko kuqwalaselwe nguNks Marinda Pohl (kule dilesi ye-imeyili: mpohl@pgwc.gov.za). Uyacelwa uqaphele ukuba, kwixa elizayo, bonke abasebenzisi beli zikolo ledatha ababhalisiweyo baya kuvunyelwa babhalise kuphela iidilesi ezimbini ze-imeyili, ezona zininzi, kwisistim entsha.
4. UMnu IA Opperman noNks I Visser, abangamagosa akwicandelo loLawulo lweeRekhodi, baya kusebenza njengabalawuli abaziintloko bale nkqubo intsha. Baya kuba noxanduva lokwenza izintlu ezintsha zababhalisayo kunye nokuthunyelwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane zezolawulo kunye nezinye izaziso. Amagama akuzo zonke izintlu zokuthumela iposi aveliswayo aya kwandulelwa yikhowudi yesebe lemfundo engu-05.
5. Kuthe ngokwenziwa kweSistim yokuqala yokuThumela iPosi ngeKhompyutha, ngaphandle kwabo bakwizintlu zokuthumela iposi ezikwandlunkulu, kwenziwa ezinye izintlu zokuthumela iposi ngekhompyutha ukulungiselela ii-ofisi zezithili nezeesekethe. Zonke izintlu ebeseziyekile ukusetyenziswa kunyaka odlulileyo zisusiwe kwisistim yaye ngoku kwenziwa amalungiselelo okutshintshela izintlu ezisaleleyo kwisistim entsha. Kwimeko apho ukwenziwa kwalo naluphi na uluhlu kuye kwachatshazelwa luhlenga-hlengiso lwabasebenzi kwisebe lemfundo, uyacelwa ukuba unike, ngoko nangoko, icandelo loLawulo lweeRekhodi (Recorded Management component) iinkcukacha ezipheleleyo.
6. Imibuzo ngale nkqubo intsha ingabhekiswa kula magosa alandelayo:
Mnu I A OppermanTel: 021.4672765I-imeyili:iaopperman@pgwc.gov.za
Nks S GreenTel: 021.4672820I-imeyili:sgreen@pgwc.gov.za
Nks I VisserTel: 021 4672761I-imeyili:registry1@pgwc.gov.za
7. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingcaciso.


ISAYINWE: NGU- SH MAFANGA-KIBI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:29