1. Eyona ndima ephambili yeSebe iWCED kukubonelela ngemfundo esemgangathweni kwelona nani liphezulu labafundi elinokubakho kwiPhindo leNtshona Koloni. Kujongwe ukuba ngenxa yokubonelelwa ngemfundo esemgangathweni, abafundi baya kuba nako ukuziphuhlisa bona buqu ngokupheleleyo baphuhlise nezakhono zokwenza imisebenzi eqeqeshelwayo ukuze babe nokuthatha inxaxheba yaye bomeleze idemokhrasi yeli lizwe.
2. Ukongeza apho, iSebe iWCED kunye namahlakani alo elisebenzisana nawo kurhulumente, amashishini abucala nemibutho yoluntu, benza iinkqubo zophuhliso lwemfundo nezakhono eziziintlobo ngeentlobo njengendlela yokuqinisekisa ukuba abafundi abaphumayo kwinkqubo yemfundo banezakhono, kwaye balungele zonke iimeko yaye banako ukufikelela kwiindawo zemisebenzi kunye/okanye kwiikholeji zeFET okanye eziyunivesithi.
3. Kukho ingxelo ebhaliweyo engeeprogram nemingeni ephambili apha kwiSebe iWCED kwaye le ngxelo ibonisa amanani obhaliso abafundi nendlela abaqhube ngayo njengoko kunjalo nge-30 Agasti 2008. Inika isishwankathelo esibanzi kunye nengcaciso ngophuhliso lwezakhono olwenziwa liSebe iWCED.
4. Le ngxelo ingasetyenziswa ziinqununu nootitshala njengesixhobo sokunika ulwazi olunzulu ngezinto ezenziwa liSebe iWCED ekukhokeleni nasekuncedeni abafundi xa besenza izicwangciso zabo ngamakhondo omsebenzi abanqwenela ukuwalandela.
5. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana naba balandelayo:
Zaahida Hartley apha 021 467 9354 okanye zhartley@pgwc.gov.za
Vumile Nyalashe apha 021 467 9350 okanye vnyalash@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-WJS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:25


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).