1. Iikopi zomqulu wesibini wothotho lweengcinga i-Reflections zathunyelwa ezikolweni, kwii-ofisi zezithili zemfundo, kwaNdlunkulu, kumaziko emfundo aphakamileyo nakwamanye amaziko achaphazelekayo nale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0010/2008.
2. Amaziko amaninzi acele ezinye iikopi. Ikopi oyiprinta kwikhompyutha iyafumaneka kweli ziko lewebhu http://wced.wcape.gov.za/HCDS.
3. Umqulu wesithathu wothotho lweengcinga i-Reflections on Human Capital Development Strategy ngoku uyafumaneka, uqhotyoshelwe njengekopi kule ngcaciso imfutshane. Isihloko ngasinye siqwalasela imiba ngemiba kucwangciso lwemfundo nokwenziwa kweenkonzo, sinika isishwankathelo semeko ekuyiyo ngoku size sijongisise kwakhona ingcaciso neembono ezichaphazela isihloko eso. Kukwacaciswe neengcebiso ezinikwa abacwangcisi neengcali zemigaqo-nkqubo ukuhlangabezana neenjongo ze-HCDS. Iikopi zamaxwebhu e-Afrikansi nesiXhosa ziya kufumaneka ekhomputheni zakucelwa.
4. Bayakhuthazwa kwakhona abaqeshwa be-WCED ukuba bafunde okubhalwe kulo mqulu ngeliso elibukhali kwanokuba banike ithuba lengxoxo-mpikiswano yabo kunye naleyo baya kuyibamba neBekomiti yeProjekthi ye-HCDS.
5. Sinethemba lokuba abo bachaphazelekayo (stakeholders) baya kukufumana okubhalwe apha kukhuthaza kwaye kunika umdla. IKomiti yeProjekthi ye-HCDS iya kulindela iikhomenti neengxoxo zenu.
6. Aba balandelayo ngamalungu eKomiti yeProjekthi ye-HCDS:
Vumile Nyalashe: vnyalash@pgwc.gov.za
Zaahida Hartley: zhartley@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-WJS JANTJIES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:29