1. INTSHAYELELO
1.1 Ngethuba leeholide zikazwelonke nangamathuba okuvalwa kwezikolo, abafundi abangenayo imvume esemthethweni yokuba baye kumakhaya abazali babo okanye abagcini babo banyamekelwa kumaziko eemfuno ezizodwa okunyamekela nokufundisa ulutsha nakumaziko okunyamekela nokufundisa ulutsha.
1.2 Abasebenzi abakula maziko babonelela ngeenkonzo zokusuphavayiza nezokunyamekela abafundi (caretaker services). Akukho msebenzi unokwenza naziphi na iinkonzo kungekho mvume kwangaphambili yoMlawuli oyiNtloko weCandelo lokuNika iNkxaso amaZiko, iMfundo eneeMfuno eziZodwa noKwenziwa kweMisebenzi.
1.3 Kungumsebenzi wabalawuli besikolo ukuyalela ootitshala abathile namagosa enkonzo karhulumente ukuba babonelele ngezi nkonzo.
1.4 Ngenxa yokuba ezi nkonzo zibiza kakhulu, intloko yeziko mayibone ukuba akukho ngaphezu kwelona nani lincinane labasebenzi abafunekayo amabanikwe lo msebenzi.

2. UKUSETYENZISWA NOKUHLAWULWA KWABASEBENZI BENKONZO KARHULUMENTE
2.1 Aba basebenzi balandelayo benkonzo karhulumente mabenze iinkonzo ngezi mini zeeholide zikazwelonke:
  • Umongikazi omnye kunye
  • neesuphavayiza ezine zeendawo zokuhlala zeziko kunye nabancedisi abajongene nekhitshi (Oku kwenzelwe amaziko angazisebenzisiyo iinkonzo zokutyisa (catering services)
2.2 Abasebenzi benkonzo karhulumente bangahlawulwa kuphela ngokwenza imisebenzi eyenziwa ngemihla yeeholide zikawonke-wonke zesizwe nangokungqinelana nemimiselo ekwiSigqibo 1 sika-2007.

3. UKUSETYENZISWA NOKUHLAWULWA KOOTITSHALA
3.1 Ilungu lekomiti yolawulo lweziko malibambele njengomntu obambe iintambo kangangelo thuba lifanelekileyo.
3.2 Isayikholojisti okanye unontlalontle angenza inkonzo yokunika inkxaso xa kukho isizathu esifanelekileyo sokwenza oko. Isicelo esibhaliweyo sokwenza le nkonzo esixhaswa zizizathu ezivakalayo, kufuneka sihanjiswe kunye nesicelo seziko sokwenza le misebenzi.
3.3 Iqela lootitshala abenza ezi nkonzo mabenze amalungiselelo eprogram yeholide yokufundisa baze bayingenise kwikomiti elawulayo nakwi-ofisi yengingqi ukuze ivunywe. Ngamathuba okuvalwa kwezikolo, ootitshala mabaququzelele baze baqhube iprogram yeholide yokufundisa. Le program mayingeniswe kwiCandelo leeNkonzo zeNkxaso kwiZikolo zeMfundo eneeMfuno eziZodwa kwangaphambili.
3.4 Ukubakho kweenkonzo zokhuseleko kumaziko kuya kuqinisekisa inani lootitshala ekufuneka benze ezi nkonzo. Abenza iinkonzo zokhuseleko basebenza iiyure eziyi-24 ngosuku kumaziko eemfuno ezizodwa okunyamekela nokufundisa ulutsha, lo gama kumaziko okunyamekela nokufundisa ulutsha babakho kuphela ngexesha besemsebenzini ukususela ngo-18:00 ukuya ku-06:00. Oku kuthetha ukuba mababe ngaphezulu ootitshala abasemsebenzini ngethuba lasemini kumaziko okunyamekela nokufundisa ulutsha kunakumaziko eemfuno ezizodwa okunyamekela nokufundisa ulutsha.
3.5 Ukuze kuphunyezwe ezi program zokufundisa, makunyamekelwe abafundi kuze kubekwe esweni imeko yokhuseleko lwabo, ubuncinane ngootitshala ababini amababe semsebenzini kumaziko eemfuno ezizodwa okunyamekela nokufundisa ulutsha nangaliphi na ixesha. Ngokuxhomekeke kwinani labafundi abakhoyo nakubunjani beprogram ephunyezwayo, ngutitshala omnye ubuncinane omakabe semsebenzini kwiziko elineemfuno ezizodwa lokunyamekela nokufundisa ulutsha.
3.6 Kucelwa niqaphele ukuba amakhwenkwe namantombazana kufuneka anyamekelwe ngokwahlukeneyo, kwaye inani labasebenzi abasemsebenzini malimiselwe ngokungqinelana nale mfuneko.
3.7 Abafundi kumaziko okunyamekela nokufundisa ulutsha mabathathe inxaxheba eyakhayo kwezi program ukususela ngo-07:00 ukuya ku-22:00, ithuba elingangeeyure eziyi-15. Utitshala makazibandakanye kwezi program zabafundi ubuncinane kangangeeyure eziyi-71/2 ngosuku. Oku kuthetha ukuba eli thuba lokwenza inkonzo malahlulwe kabini, khon' ukuze ootitshala basebenze iishifti. Iinkonzo zenziwa ukususela ngo-07:00 ukuya ku-: 14h30 kwishifti yokuqala, nokusuka ngo-14:30 ukuya ku-22:00 kwishifti yesibini.
3.8 Ngethuba lokuvalwa kwesikolo ngoJuni/Julayi nango-Disemba/Januwari, makuthathelwe ingqalelo umba wokufakwa kwabafundi abaseleyo kwiziko elinye kuphela, ukuba kunokwenzeka. Oku kuya kubangela ukonga kakhulu kwiintlawulo zeenkonzo zethuba leholide. Iintloko zamaziko mazithetha-thethane ekwenzeni la malungiselelo phambi kokuba zifumane imvume kuMlawuli weCandelo leeNkonzo zeNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa.
3.9 Inani labafundi abahlala kumaziko okunyamekela nokufundisa ulutsha, inani lamakhwenkwe namantombazana nokufumaneka kwabasebenzi bokhuseleko liya kumisela inani lootitshala abaya kwenza ezi nkonzo. Kwitheyibhile 1 no-2 kunikwe ummiselo wokubala inani lootitshala ekufuneka benze le nkonzo:

Itheyibhile 1. Inani labasebenzi abenza inkonzo ngokwenani labafundi

AbafundiUmntu ophetheyoAmakhwenkwe
kuphela akwiziko
Amakhwenkwe
namantombazana akwiziko
0 - 10112
11 - 40124
41 - 55136
56 - 70148
71 - 8015 
81 - 9016 
91 - 10017 
101 - 12018 


3.10 Kwitheyibhile 2 apha ngasezantsi, kunikwe inani elicetyiswayo labasebenzi amababe semsebenzini kwiziko ngalinye.

Itheyibhile 2 Inani labasebenzi amababe semsebenzini kwiziko ngalinye

IzikoUmntu
ophe-
theyo
0-1011-4041-5051-7071-8081-9091-100101-120
Eureka112345678
Itotali112345678
De Novo112345678
Itotali112345678
Ottery112345678
Itotali112345678
Bult Boys11234    
Bult Girls 1234    
Itotali - Die Bult12468    
Wellington Boys11234    
Wellington Girls 1234    
Itotali - Wellington12468    
Faure High Care122      
Faure Boys 1234    
Faure Girls 1134    
Itotali - Faure14568    


3.11 Ukuba kufuneka abasebenzi abangaphezu mkoku ukuze kuphunyezwe iprogram ethile, makunikwe izizathu ezipheleleyo kwangaphambi kwi-ofisi yesithili semfundo nakuMlawuli weCandelo leeNkonzo zeNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa nakuMlawuli weCandelo lokuNika iNkxaso amaZiko, iMfundo eneeMfuno eziZodwa noKwenziwa kweMisebenzi.
3.12 Izicelo zokwenziwa kweenkonzo zokusuphavayiza mazingeniswe kuMlawuliwe Candelo leeNkonzo zeNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa, kwiiveki ezintandathu phambi kweholide yesizwe okanye kwethuba lokuvalwa kwezikolo. Uluhlu lwemihla yokubuyiswa kwezicelo ezingeniswayo waziswa amaziko qho ngonyaka.
3.13 Kucelwa uqaphele ukuba umntu ophetheyo akasebenzi ngeeshifti kwaye usemsebenzini iiyure eziyi-24 ngemini.
3.14 Ngokwemigqalisela, ootitshala bangafumana intlawulo eyongezelelweyo kuphela kwezo nkonzo zenziwa ngeeholide zikawonke-wonke. (Jonga umMiselo 38 (2) (b) woMthetho wezeNgqesho yooTitshala ka-1998, (UMthetho 76 ka-1998))
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala nabasebenzi bamaziko azo namabhunga olawulo ezikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MJ THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:07