1. ISebe lezeMpilo likazwelonke labhengeza uFebruwari 2008 njengeNyanga yezeMpilo kwiNzala (Reproductive Health Month). Injongo yayikukuba ngelo thuba kugxininiswe ekukhuthazeni iindlela ezikhuselekileyo zokwabelana ngesondo (safer sexual practices) eziya kunceda ekunciphiseni ukusasazeka kwezifo ezosulela ngokwabelana ngesondo, kubandakanywa i-HIV/AIDS, nokunciphisa inani lokukhulelwa kolutsha okungafunekiyo.
2. Ngenxa yokuxhaphaka kakhulu kwe-HIV kulutsha olukwiminyaka ephakathi kwe-15 ne-25 kunye nokwanda kwenani lolutsha olukhulelwayo ezikolweni kunyaka ngamnye, iSebe leMfundo liyalixhasa eli phulo likhankanywe apha ngasentla.
3. Njengesiqhelo, iSebe i-WCED lixhasa ngamandla ukungabelani ngesondo kolutsha (abstinence) njengendlela ekhethwayo ukuthintela i-HIV nezinye izifo ezosulela ngokwabelana ngesondo nokukhulelwa kolutsha, kodwa siyaluvuma uphando olubonisa ukuba linani elikhulu lolutsha olufikisayo (adolescents) olusele luqalisile ukwabelana ngesondo. Izinto zokuncedisa ukufunda ezikhutshwa nale ngcaciso zithetha ngqo neli qela kujoliswe kulo.
4. Fumana nazo iiphowusta neerula ezifakwe apha ezifanele ukunikwa abafundi bamaBakala 10 - 12. Ziyacelwa izikolo eziziisekondari ukuba zinike abafundi ezo zinto zokuncedisa ukufunda ngokufanelekileyo ngethuba elilungele zona.
5. Kucetyiswa ukuba ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi basebenzise ezi zinto zokufunda kwimeko elungele ubudala babafundi baze babandakanye kuloo meko ukukhuthazwa kokusetyenziswa kweekhondom njengenxalenye yesicwangciso esibanzi sokuthintela i-HIV.
6. Ukuba ufuna izinto zokufunda ezongeziweyo zokukhuthaza impilo entle, qhagamshelane neli ziko Department of Health’s Promotion Resource Centre, 2nd Floor, Maynard Plaza, Wynberg, okanye ubafonele apha 021 710 9863.


ISAYINWE: NGU- MJ THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:14


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).