1. ISetyhula 51/2007 ye-20 Septemba 2007 yayalela izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ukuba zingenise iifom zazo zerikhwizishini yeLTSM (WCED 034) neefom zezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo i-Local Purchases (WCED 026) ungadlulanga owe-26 Apreli 2008.
2. Zonke ii-odolo ezibalulekileyo zeLTSM nezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo zangeniswa kubathengisi nge-31 Julayi 2008 yaye njengangoku zisiwa ezikolweni.
3. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 zayalelwa ukuba zisebenzise i-60% yokuqala yentlawulo yemali eyabiwa ngokwemimiselo nemigangatho (norms and standards payment) ezayifumana ngo-Apreli 2008 yokuba zithenge izibonelelo zazo ezixhasa ukufunda nokufundisa ukwenzela ukuba ibe nokufumaneka phambi kokuphela kukaSeptemba 2008.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kufuneka lingenise iingxelo qho kwiSebe leMfundo kuzwelonke malunga nokusetyenziswa kwesabelo esipheleleyo semali eyabiwa ngokwemimiselo nemigangatho yokuthenga i-LTSM. Ngoko ke kunyanzelekile ukuba izikolo zichithe izixa ezibhajethelwe iLTSM engadlulanga owe-31 Oktobha 2008.
5. Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zingatshekisha iimali ezisenazo (current balances) zeLTSM nee-local purchases kwi-ofisi yee-odolo eKuils River. Ngenxa yexesha elithathwayo ukutshintsha iirikhwizishini zibe zii-odolo, ezi fom zerikhwizishini (WCED 034 no WECD 026) mazingeniswe kwi-ofisi yee-odolo eKuils River ungadlulanga owe-30 Septemba 2008 ukuqinisekisa ukuba iLTSM nezinto zokubhala (stationery) zisiwa ezikolweni ngosuku lwesikolo lokuqala luka-2009.
6. ISebe leMfundo kuzwelonke lizichaza izibonelelo zeLTSM njengayo nantoni na exhasa ukufunda nokufundisa. Izikolo ke ngoko ziyakhuthazwa ukuba zisebenzise izabelo zazo zeLTSM ekuthengeni iincwadi zezifundo (textbooks), iincwadi zokusebenza (workbooks), iitshathi, iincwadi ezimiselwe ukufundwa (prescribed works), izichazi-magama, ii-atlasi, iincwadi nezinye izibonelelo zaselayibrari, ii-CD nee-DVD esele zirekhodiwe, isoftware yekhompuytha nezinto ezizizibonelelo ezisetyenziswa ngootitshala (teachers' resource materials).
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku kulapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-LN SOPOTELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:12