1. KwiNgcaciso eMfutshane yeYunithi yokuNika iNkxaso yoKwenziwa kweMisebenzi 0001/2008 ye-25 Januwari 2008, wawuceliwe ukuba uqinisekise ukuba isetyenzisiwe yonke imali esisabelo sakho ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali (N&S) eyayisisibonelelo sokuthenga iincwadi zezifundo nokuthenga kulo ndawo inesikolo (local purchses), nokuba iirikhwizishini zingenisiwe kwi-ofisi yee-odolo eKuils River ungadlulanga owe-31 Januwari 2008.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo kwezo zikolo ziye zanentsebenziswano zenza ukuba le projekthi ibe yimpumelelo enkulu.
3. Ngenxa yexesha elithathwa kukwenza iirikhwizishini zide zibe zii-odolo kunye nenkqubo ethi ilandele emva koko yokusiwa kwee-odolo ezikolweni nokuhlawulwa kwazo, ngelishwa asinako ukwamkela naziphi na ezinye iirikhwizishini. Ngako oko ke iirikhwizishini ezifike emva kowe-31 Januwari 2008 ziya kujikiswa.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-H.A. LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:12