1. KwiNgcaciso eMfutshane yeYunithi eNika iNkxaso yoKwenziwa kwemiSebenzi yeSebe 0001/2007 ye-20 Novemba 2007, uye wacelwa ukuba uqinisekise ukuba izixa-mali zizonke ezibhajethelwe iincwadi zezifundo (textbooks) nezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo (local purchases) ezithathwa kwisabelo-mali sakho semali eyabiwa ngokwemimiselo nemigangatho (N&S) ka-2007/08 zasetyenziswa ngokupheleleyo. Zonke izikolo maziqaphele ukuba wonke umfundi makabe nayo incwadi yesifundo kwinkalo yesifundo nganye okanye kwisifundo ngasinye.
2. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 bezimele ukuba zisebenzise intlawulo yokuqala eziyinikiweyo (eyi-60% yesabelo-mali se-N&S) ekuthengeni izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa i-LTSM ukwenzela ukuba zibe sele zafumaneka phambi kokuphela kukaSeptemba 2007.
3. Izixa-mali zizonke ezabelwa ukuthengwa kweencwadi zezifundo (textbooks) nezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo (local purchases) zezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, ngokweebhajethi zezikolo (WCED 032), zifikelela kwi-R64, 11 yezigidi ne-R32,87 yezigidi ngokulandelelanayo. Kuthe kwakutshekishwa kwafunyanwa ukuba kuphela yi-R61,59 yezigidi echithwe ekuthengeni iincwadi zezifundo nezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo ukuza kuthi ga kwi-21 Januwari 2008.
4. Sekukufuphi ukuba uphele unyaka-mali, kwaye izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ziya kuphulukana nemali ezingayisebenzisanga ekuthengeni i-LTSM.
5. Kufuneka iSebe iWCED lisoloko liqhubeka nokunika ingxelo kwiSebe leMfundo likazwelonke ngokusetyenziswa kwesixa-mali sisonke esibhajethelwe i-LTSM. Kubalulekile ke ngoko ukuba izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zisebenzise izixa-mali eziye zathi, ngokwe-WCED 032, zabhajethelwa ukuthenga i-LTSM phambi kwe-31 Matshi 2008. Ezi zikolo zingaqinisekisa ukuba yimalini esaseleyo njengangoku (latest balance) yeencwadi zezifundo nezinto ezithengwa kwindawo esikuyo isikolo kwi-ofisi yoku-odola eKuils River. Kufuneka iirikhwizishini (i-WCED 034 ne-026) zingeniswe kwi-ofisi yoku-odola eKuils River ingadlulanga i-31 Januwari 2008.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-H.A. LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:25