1. Ngonyaka ka-2003 izikolo zathunyelelwa ngeSetyhula 121/2003 uMgaqo-nkqubo weSebe iWCED ongoLawulo lokuKhulelwa kwaBafundi kwiZikolo zikaRhulumente (Managing Learner Pregnancy in Public Schools). Le Miqathango kazwelonke ikhankanywe apha ngasentla yathunyelwa ezikolweni eNtshona Koloni ngo-2007.
2. ISebe iWCED liqaphele ukuba izikolo zisebenzisa iMiqathango kazwelonke endaweni yokusebenzisa umgaqo-nkqubo weSebe iWCED xa zisingethe umba wokukhulelwa kwabafundi ezikolweni. Iinqununu namabhunga olawulo kufuneka ziqaphele imeko yokuba semthethweni kwala maxwebhu mabini.
3. Umgaqo-nkqubo weSebe iWCED usekelwe kwimigqaliselo esemthethweni (legal prescripts) yoMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika (RSA) noMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika onika abafundi ilungelo lokufumana imfundo, ngaphandle kocalu-calulo olungenabulungisa. Ngoko ke lo mgaqo-nkqubo unegunya lokusebenza ngokusemthethweni.
4. IMiqathango kazwelonke yoThintelo noLawulo lokuKhulelwa kwaBafundi zizikhokelo ezakhutshwa kungajoliswe kuwo nawuphi na umthetho, kunjalonje azapapashwa nakwiGazethi kaRhulumente. Le Miqathango ke ngoko ayinalo igunya lokusebenza ngokusemthethweni kwaye ukuyisebenzisa xa kusingethwe umba wokukhulelwa kwabafundi kunganeziphumo ngokwasemthethweni kwizikolo nakumabhunga olawulo ezikolo.
5. ISebe leMfundo likazwelonke (DoE), xa belibuzwa ngokuba semthethweni kwale Miqathango, liphendule lenjenje:

"Ubume beMiqathango abubopheleli ngokwasemthethweni, kwaye ayinako ukuzimela yona ngokwayo enkundleni. Thina [Sebe leMfundo kuzwelonke (DoE)] besifuna ukukhokela izikolo xa kungekho mgaqo-nkqubo wephondo ongokuKhulelwa kwaBafundi nokuba lingaphunyezwa njani na eli gatya loMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika lithi "akuyi kugxothwa mntu'' (no expulsion clause).. Umgaqo-nkqubo wephondo weNtshona Koloni uyasamela kwiMiqathango kaZwelonke."

"The status of the Measures is not legally binding, and in court it will not stand on its own. We [DoE] needed to guide schools in the absence of a provincial policy on Learner Pregnancy and how to implement the SA Schools Act['s] 'no expulsion clause'. The provincial policy of the Western Cape supersedes the national Measures."

6. Ngako oko ke izikolo mazilandele yaye zisebenzise imigqaliselo (prescripts) yomgaqo-nkqubo weSebe iWCED owakhutshwa ngeSetyhula 121/2003 kuzo zonke iimeko xa kusingethwe umba wokukhulelwa kwabafundi esikolweni. Izikolo mazingayisebenzisi le Miqathango kaZwelonke. Le Miqathango yenzelwe nje ukuba ibe zizikhokelo zezikolo kwiphondo apho ungekhoyo umgaqo-nkqubo ongokukhulelwa kwabafundi ezikolweni.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
8. Iyathakazelelwa intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-MI MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:29