1. Njengenxalenye yesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zezeNtlalo (Social Capital Development Strategy), iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linqwenela ukomeleza uthatho-nxaxheba lweenqununu ngothetha-thethwano ngemiba yezikolo kunye neyezemfundo.
2. Olu xwebhu lomgaqo-sikhokelo (framework document) luqhotyoshelweyo apha lunenkqubo evunyiweyo yokusekwa nokusebenza kweeforam zeenqununu.
3. Olu xwebhu lomgaqo-sikhokelo weeforam lusebenza kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa eziseNtshona Koloni.
4. Makusekwe iiforam zeenqununu zesekethe neeforam zeenqununu zesithili ingaphelanga inyanga efunyenwe ngayo le ngcaciso imfutshane. Iiforam zeesekethe nezezithili ezisekiweyo zifanele ukudibana kube kanye kulo nyaka. Amalungu eForam yeeNqununu yePhondo kufuneka onyulwe kule ntlanganiso yokuqala yeforam yeenqununu yesithili ngasinye.
5. Iinqununu maziqinisekisise ukuba ziyafuna ukwenza imisebenzi edweliswe kwiphepha eliqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane phambi kokuba zamkele ukutyunjelwa kwiforam.

6. Njengoko ixesha lokuhlangana ngo-2008 sele lilincinane, iinqununu ezinyulwe ukuba zibe kwiforam ziya kuqhubeka nokuba kwiforam de kube lunyulo olulandelayo ngoJanuwari okanye ngoFebruwari 2010.

7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomcebisi ngeze-IMG wakho.


ISAYINWE: NGU- RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:26

ISIKHOKELO SESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI SOKUSEKA IIFORAM ZOKUCEBISANA ZEENQUNUNU ZEZIKOLO  (ubukhulu: 55 KB)
isiHlomelo A: ISIKHOKELO SOMGAQO WOKUSEBENZA - IIFORAM YEENQUNUNU  (ubukhulu: 28 KB)