1. IPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo oPhunyeziweyo 5 (White Paper 5) omalunga neMfundo noPhuhliso lwaBasaqalayo (Early Childhood Development (ECD)) umisela ukuba ama-85% abo bonke abafundi beBakala R apha kwiphondo mabafakwe kwizikolo zikarhulumente engadlulanga u-2010.
2. Ukuze kufikelelwe kule njongo nokuba kwandiswe inani labafundi beBakala R kwizikolo zikarhulumente, iSebe leMfundo eNtshona Koloni (WCED) linezicwangciso zokunceda izikolo ngeeklasi zeBakala R ukuba azinayo indawo efumanekayo yokufundela abafundi beBakala R.
3. NgokweMimiselo neMigangatho yoLwabiwo-mali yeZikolo [N&S] yeBakala R, iSebe iWCED lingabonelela kuphela iiklasi zeBakala R kwezo zikolo zifanelekileyo ngokweekhrayitheriya zeN&S ezicacisiweyo. Ezi khrayitheriya zezi zilandelayo:
  • Isikolo masibe kwinqanaba lentlupheko 1-3*
  • Isikolo masibenalo iBakala 1.
  • Ikomiti yolawulo yesikolo neSGB mazibenako ukwamkela abafundi beBakala R kwaye zibe nokulilawula ngempumelelo nangendlela eyiyo.
  • Isikolo masibe nabafundi abatsha abayi-30 okanye ngaphezulu koko [izicelo zeBakala R]
  • Isikolo masibe nomhlaba ovulekileyo [±150m²] wokumisa iklasi yeBakala R.
  • Inani labafundi kwiklasi nganye kumaBakala 1-3 malibe ngabafundi abayi-25 ngeklasi.

*NB: Ukubonelelwa ngeeklasi zeBakala R kuya kwenziwa ngokwezithili kwaye kuya kuqalwa ngezikolo ezikwinqanaba lentlupheko 1 kuze kudlulelwe kwizikolo ezikwinqanaba lentlupheko 2 zakuba zonke izikolo ezikwinqanaba lentlupheko 1 ziyifumene iklasi yazo.

4. Kunyaka-mali 2008/09, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuthathela ingqalelo zonke izikolo ezenze isicelo seklasi yeBakala R lize libonelele izikolo ezifanelekileyo ngeklasi yeBakala R kubafundi abaqala ukufunda. Kucelwa uqaphele ukuba isasebenza iNgcaciso eMfutshane ye-DIM/0003/2008 engokuBonelelwa ngeeKlasi zeBakala R kwezikolo zikarhulumente (Provision of Gr R classrooms to public schools).
5. ICandelo le-IMG liqeshe uMphathi weProjekhthi yoPhuhliso lweZiseko (Project Manager- Infrastructure), uMnu CFH Coetzee, ukuba asingathe yonke imiba engokwakhiwa kweeklasi zeBakala R.
6. Kwakhona, iCandelo le-IMGP liqeshe umphononongi ohlola izikolo (audit assessor), uNksk M Conradie, oya kundwendwela izikolo nezithili ukuya kuqokelela ingcaciso ukungqinisisa ukufaneleka kwezikolo emazifumane iklasi yeBakala R ngokweekhrayitheriya ze-N&S zikazwelonke. Umphononongi ohlola izikolo (audit assessor) akayi kwenza madinga kuqala nezikolo (appointments) ukuzaziza ngokundwendwela kwakhe yaye ziyacelwa izikolo ukuba zincede zisebenzisane nomphononongi.
7. Kuya kuqhagamshelwana nezikolo ezikufaneleyo ukufumana iklasi yeBakala R ngeleta ebhaliweyo liCandelwana le-ECD eliphantsi kweCandelo le-IMGP. Kucelwa izikolo ukuba zincede zingaqhagamshelani ngqo ne-ofisi yesithili semfundo okanye neCandelo le-IMGP ukuba zifuna ukubuza malunga nokufumana iklasi yeBakala R.
8. Luya kuthakazelelwa uncedo nentsebenziswano yakho nomphononongi wokuhlola izikolo (audit assessor) ngokugqiba lo msebenzi ubalulekileyo ngempumelelo nangokukhawuleza.


ISAYINWE: NGU-MI MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:22