1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqalise amaphulo entsebenziswano namanye amasebe karhulumente namashishini abucala ukuze kulungiselelwe ukuziswa eluntwini (roll out) kweenkonzo zemfundo yabadala noqeqesho (AET services). Amaziko athatha inxaxheba kula maphulo entsebenziswano kufuneka alungise ingxelo yekota eya kubaqeshi, neneenkcukacha zokuza kwabafundi ezifundweni kunye nenkqubo yabo ezifundweni.
2. Ingxelo yekota yesibini ka-2008 ilindeleke ukuba ingene nge-31 Julayi 2008.
3. ICandelwana le-AET likwanenjongo yokuqalisa i-CEMIS njengelinge (pilot) ukwenzela ukuba icandelo le-AET likwazi ukulandelela (track) inkqubo yomfundi ngamnye othatha inxaxheba kwi-AET.
4. Ukulungiselela le njongo, amaziko athatha inxaxheba kula maphulo entsebenziswano kufuneka aqaphele oku kulandelayo:
4.1 Apha kuqhotyoshelwe ithemplethi ehlaziyiweyo ukulungiselela iinjongo zokunika ingxelo. Makusetyenziswe le themplethi kuzo zonke iingxelo ezimalunga nala maphulo entsebenziswano. Ezi ngxelo mazizaliswe ngokupheleleyo, zisayinwe ngumphathi weziko zize zigqithiselwe kuMnu P. Neethling okanye zithunyelwe kuye ngefeksi kule nombolo: 021 467 2268 okanye zithunyelwe nge-imeyili kule dilesi pneethli@pgwc.gov.za.
4.2 Ii-CLCs ezithatha inxaxheba kumaphulo entsebenziswano abucala kufuneka nazo zingenise ingxelo. Kufuneka ithemplethi ibonise ngokucace gca ukuba elo liphulo lentsebenziswano yabucala.
5. Ii-invoyisi ziya kwenziwa kuphela kwakuba kufunyenwe iingxelo.


ISAYINWE: NGU-MI MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:17

Iripoti Yentsebenziswano Namaqumrhu  (ubukhulu: 15 KB)