1. Njengoko ningaba sele nisazi, kwathunyelwa ileta nge-imeyili ivela engunombolo 13/2/1 - 20061107-0007 kwaNdlunkulu kwikota yokuqala ka-2008, eyayicela izikolo ukuba zitsho ukuba ziyayifuna na iklasi yeBakala R nokuba ngaba ibhunga lolawulo lesikolo (SGB) lingavuma na ukwakha okanye ukuthenga iklasi engumahamba-nendlwana (mobile) ngenkxaso-mali evela kwiSebe iWCED. Le leta yayikwanemvumelwano eyayifuna ukuba isayinwe ziiSGBs ukulungiselela ukwakha ezi klasi.
2. Ngelishwa, le leta yathunyelwa ngempazamo yaze yaphinda yanika neenkcukacha zokuphendula ezingachanekanga, ezazibonisa ukuba yayivela kwiCandelo leNkxaso yoKwenziwa kweMisebenzi (Operational Support) (ebelisaziwa ngaphambili njengeCandelo loCwangciso lweZibonelelo zeZakhiwo zeZikolo (Physical Resources Planning). Ileta le, eneneni, yayiyikopi yeleta yethuba langaphambili eyayithunyelwe liCandelo leNkxaso yoKwenziwa kweMisebenzi kodwa ijongo yayingeyiyo eyokuba ithunyelwe njengengcaciso emfutshane evela kwelo candelo, okanye evela kwiCandelo loCwangciso nokuPhathwa kwaMaziko (Institutional Management and Governance Planning (IMPG)
3. Injongo yale Ngcaciso iMfutshane ye-IMGP kukulungisa ukungaqondi okubangelwe yile mpazamo.
4. Ngokumalunga nokubonelelwa ngemali kweeklasi zeBakala R, bekusekho imali ekhoyo kwibhajethi yoPhuhliso lweMfundo lwaBasaqalayo (ECD) ekupheleni konyaka-mali 2007/08 nothe waphela nge-31 Matshi 2008 (ikota yokuqala yonyaka), kwaze ngenxa yeso sizathu kwacingelwa ukuba inokusetyenziselwa ukubonelela ngemali iiklasi zeBakala R. Nangona kunjalo, ngenxa yokuvalwa konyaka-mali nge-31 Matshi 2008, loo nkxaso-mali iye yabuyela kuNondyebo (Treasury), kwaye ayisafumaneki ngoku. Ngelishwa, iSebe iWCED alisayi kubanako ke ngoko, ukubonelela ngemali iiklasi kwezo zikolo zaphendulayo.
5. Inkxaso-mali ekhoyo yeeklasi zeBakala R kunyaka-mali ka-2008/09, ukususela nge-01 Apreli 2008, kufuneka isetyenziswe ngokwemigqaliselo ekhutshwe liSebe leMfundo likazwelonke nangokwezinto eziziprayorithi (priority indicators) zePhondo leNtshona Koloni. Ii-ofisi zezithili njengangoku zityumba izikolo eziza kufumana iiklasi zeBakala R ngokweekhrayitheriya eziyimfuneko. Ukukhethwa kwezikolo kuya kusingathwa licandelo le-ECD kwaNdlunkulu kwaye kuya kuqhagamshelwana nezikolo ezikhethiweyo ukuze zithathe inxaxheba kule projekthi. Kuza kuqeshwa umphathi weprojekthi ukuba alawule ukuqaliswa ngokusesikweni kokubonelelwa ngemali kweeklasi zeBakala R kwaye negama lalo mntu liya kwaziswa izikolo ezo ngexesha elifanelekileyo.
6. Izikolo ezenza izicelo zeeklasi zeBakala R ukuphendula kwileta eyathunyelwa ngempazamo, nazo ziya kuthathelwa ingqalelo kuze, ukuba zifanelekile ngokweekhrayitheriya, zifakwe ezo zikolo, kuluhlu lwezikolo eziza kufumana iiklasi zeBakala R ngo-2008/09.
7. Kucelwa nithathele ingqalelo into yokuba yonke imibuzo malunga neeklasi zeBakala R mayibhekiswe kwiCandelo le-IMGP kwaNdlunkulu ukuba iqwalaselwe nguNks Vanessa Minnaar kule nombolo yefoni 021 467 2605, okanye ithunyelwe nge-imeyili kule dilesi: vminnaar@pgwc.gov.za
8. Licela uxolo iSebe i-WCED ngenkxamleko yenu nokubhideka okubangelwe yile meko ebe lilishwa kwaye liyabulela ngentsebenziswano yenu nangokuyiqonda kwenu imeko.
9. Iya kuthakazelelwa into yokuba wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- M MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:27