1. INTSHAYELELO
1.1 Injongo yesi sikhokelo kukuqinisekisa ubhaliso lootitshala bemfundo noqeqesho lwabadala (adult education and training (AET)) kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators (SACE)). Eli liBhunga elisemthethweni elasekwa ngoMthetho we- SACE (uMthetho 31 ka-2000) (Act 31 of 2000)) ukuze “kuphakanyiswe isidima somsebenzi wobutitshala” eMzantsi Afrika.
1.2 Oku kulandelayo ziinjongo zoMthetho we-SACE:
  • Ukubonelela ngobhaliso lootitshala
  • Ukukhuthaza uphuhliso lootitshala kubizo lwabo
  • Ukumisela, ukugcina nokukhusela imigangatho yokuziphatha ngesimilo nangokwemigaqo yobizo lwabo (ethical and professional standards), ngokuthi iBhunga lenze umsebenzi walo.
1.3 Lo Mthetho unyanzelisa ukuba wonke utitshala, kubandakanywa nootitshala be-AET, makabhalise kwi-SACE phambi kokuba abe nokuqeshwa kwisithuba sokufundisa. Akukho mntu makaqeshwe njengetitshala ngaphandle kokuba loo mntu ubhalisile kwi-SACE.

2. IIMFUNO EZIMISELWEYO ZOBHALISO

  • Utitshala angenza isicelo sobhaliso okanye ubhaliso lwethutyana kwi-SACE ngokuzalisa ifom yokwenza isicelo yeBhunga. Utitshala makaposele ifom ezalisiweyo, ehamba kunye neekopi ezingqiniweyo zezatifikethi zemfundo neposoda ye-R60 (elixabiso lentlawulo yobhaliso efunekayo), kwa-SACE ngeposi eyirejista.
  • Utitshala makanelise imigangatho yokuziphatha ngesimilo nangokwemigaqo yobizo ebhalwe kolu xwebhu Code of Professional Ethics for Educators, kwaye kufuneka abe sele epase enye yezi zinto zilandelayo:
  • - Ubuncinane isiqinisekiso seminyaka emithathu yoqeqesho lobutitshala emva kwematriki (M + 3 okanye i-REQV 13). Kule meko ingayidiploma ye-ABET

    - Nasiphi na esinye isiqinisekiso esivunyiweyo yi-SACE ukulungiselela iinjongo zobhaliso

3. IFOM YOBHALISO LWETHUTYANA (Engulindela)

Lowo uza kuba ngutitshala, okunyaka wakhe wokugqibela wezifundo, angabhalisa okwethutyana kwi-SACE, ngokuxhomekeka ekubeni unokuvelisa ubungqina bokubhalisela ikhosi ekhokelela kwisiqinisekiso sokuqeqeshelwa ubutitshala. Ngokumalunga necandelo le-AET ingangumntu oneSatifikethi se-ABET ofundela njengangoku ukufumana idiploma ye-ABET.

Sakuba nje sifunyenwe isiqinisekiso sokufundisa, lowo uza kuba ngutitshala makathumelele i-ofisi ye-SACE iikopi ezingqiniweyo zesiqinisekiso semfundo (zeziqinisekiso zemfundo) neyesazisi ukuze abe nokufaneleka ukubhaliswa ngokupheleleyo.


4. IFOM YOBHALISO LWETHUTYANA (Phantsi kwemiqathango)

Utitshala onesiqinisekiso seminyaka emithathu sasemva kwematriki, kodwa engenaso isiqinisekiso soqeqesho lobutitshala, onkonzo zakhe zifunwayo ngumqeshi unokunikwa le fom yobhaliso lwethutyana.

4.1 Ngokumalunga necandelo le-AET ingangumntu one-REQV 11 onobungqina bokubhalisela ikhosi emkhokelela ekufumaneni idiploma ye-ABET.
4.2 Lo mntu uya kubhaliswa okwethutyana kangangethuba lonyaka omnye, ekufuneka kuthi ngeli xesha azalisekise iimfuno ezimiselweyo zediploma ukuze akwazi ukubhaliswa ngokupheleleyo.

5. UKWENZA ISICELO SOBHALISO

Nantso ifom yokwenza isiceloiqhotyoshelwe apha. Iyafumaneka kwakhona kwiziko lewebhu le-SACE apha www.sace.org.za kwaye kufuneka iposelwe kule dilesi ilandelayo:

   SACE
   Private Bag X127
   Centurion
   0046


ISAYINWE: NGU- M MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:14

"SACE Application Form"  (ubukhulu: 236 KB)
"SACE Act (Act 31 of 2000)"  (ubukhulu: 95 KB)