1. ICandelwana le-AET liqalisa intsebenziswano namasebe ngamasebe karhulumente kunye noosomashishini abahlukeneyo ukuze kulungiselelwe ukuphunyezwa kwenkonzo ye-AET. Ngezi nkqubo zentsebenziswano, kufundiswa abaqeshwa izifundo ze-AET ngamaziko emfundo oluntu (community learning centres) ngexabiso elithile. Iintlawulo zenziwa kumaziko emfundo lawo achaphazelekayo qho ngekota ngokususela kwiiripoti ezingeniswe lelo ziko lemfundo loluntu.
2. Ikota yokuqala yamaziko e-AET iyaphela, into ethetha ukuba iiripoti zabafundi benkqubo yentsebenziswano (partnership learners) kulindeleke ukuba zingene. Umhla ezilindeleke ngawo ezi ripoti yi-20 Matshi 2008.
3. Nantso ithempleyithi yezi ripoti oyithunyelelwayo neqhotyoshelwe apha. Iyafumaneka kwakhona wakwenza isicelo kulo pneethli@pgwc.gov.za
4. Kucelwa uqaphela oku ukuba ezi ripoti azifumanekanga ngomhla osikiweyo, amahlakani ethu ahlukeneyo esisebenzisana nawo akayi kuzenza iintlawulo-mali.
5. Onke amaziko abandakanyeka kwintsebenziswano namaqumrhu abucala (private partnerships) kumele nawo azizalise ezi ripoti. Abaphathi bamaziko mababhale bacacise ukuba ngaba intsebenziswano yeyabucala (private) okanye yekarhulumente (public).
6. Ezi ripoti zizalisiweyo mazithunyelwe ngefeksi apha 021 467 2268, ukuba ziqwalaselwe ngu-P. Neethling okanye ziposelwe kulo: The Head: Education, Western Cape Education Department, For attention: AET Partnership Co-ordinator, Room 8-65, Private Bag X9114, Cape Town, 8000.
7. Ezi ripoti ziya kusetyenziswa kwakhona licandelwana le-AET ukulandelela inkqubo yokupasa komfundi ngamnye okwicandelo le-AET.


ISAYINWE: NGU-P. NEETHLING
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:04

Irepoti Yentsebenziswano Namaqumrhu  (ubukhulu: 40 KB)