1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kubamba iNkomfa yeeNgxoxo yeRCL (Interactive RCL Conference) ngoMgqibelo, we-19 Julayi 2008, eBoland FET College Hall, eWorcester, (eyayisakwaziwa njengeSonge College of Education.)
2. Injongo yale nkomfa kukuba amaqela eeRCLs ezahluka-hlukeneyo apha kwiphondo axoxe ngezihloko ezithile afundisane ngazo. Le nkomfa iya kunika abafundi ithuba lokuphuhlisa izakhono zokwazi ukusebenzisana noluntu njengoko beza kwenza amaqhina onxibelelwano neeRCLs ezahluka-hlukeneyo ezikolweni nakwizithili, nokungathi kudlale indima yokuba zizitraksha zokubanika inkxaso.
3. Ngokwenjenje kucelwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba kule nkomfa. Makuzaliswe le form yobhaliso iqhotyoshelweyo ize ithunyelwe ngefeksi kuMnu Ryan Erasmus weCandelo loCwangciso le-IMG (Inombolo yefeksi 021 467 2268) engagqithanga uLwesihlanu, we-20 Juni 2008.
4. Iprogram eyidrafti iqhotyoshelwe apha.
5. Kucelwa ukuba isikolo ngasinye sithumele amalungu amabini eRCL kule nkomfa. Kukhethwa ukuba la malungu mabini eRCL abe kwangamalungu ebhunga lolawulo lesikolo (SGB).
6. Kule nkomfa abafundi mabanxibe iiyunifom zezikolo zabo ukuze, apho kufanelekileyo, banxibe iibheji zeRCL.
7. Kwenziwe amalungiselelo ezithuthi zokukhwelisa abafundi ukusuka kwiindawo abanokuthathwa kuzo kwisithili semfundo ngasinye. Baya kukhatshwa ngooTitshala abangaMagosa oQhagamshelwano (Teacher Liaison Officers (TLOs)) kwezo zithili zabo. Ezi ndawo baya kuthathwa kuzo ziya kwaziswa kamva ezikolweni.
8. Kufuneka bakhunjuzwe abafundi ukuba baphathe izinto ezimbalwa kakhulu eziyimfuneko nje kuphela yaye bazishiye ekhaya izinto zexabiso.
9. Abafundi abahlala kufuphi nendawo abaza kuthathwa kuzo bangakhweliswa ngabazali babo, okanye bothulwe esikolweni abafunda kuso. Umququzeleli we-RCL kwisithili ngesithili makalungiselele ukuba utitshala okanye igosa eliyiTLO lize nabafundi kwindawo yokufikela wonke umntu nokuba libathathe kuloo ndawo yokufikela, xa bebuya eNkomfeni.
10. Ootitshala abathutha abafundi ukubasa kwindawo yokufikela, neyokubathatha ukubuyela esikolweni xa kuphele inkomfa, bangenza amabango ngeendleko zehambo ngokuzalisa ifom u-Z43, neFom ye-Subsistence and Travelling Claim Form .

11. Isithili semfundo ngasinye sicelwe ukuba senze amalungiselelo okuba kubekho utitshala oligosa loqhagamshelwano (teacher liaison officer (TLO)) kumalungu angamashumi amathathu (30) eRCL oza kuhamba nabafundi. Oku kuya kuthetha ukuba ibhasi nganye iya kuba nee-TLOs ezi-3 ubuncinane ezihamba nabafundi.


12. Kucelwa ukuba wazise okukule le ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-M MAAS-OLSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:09

Ifom Yobhaliso  (ubukhulu: 31 KB)
Iprogram Eyidrafti  (ubukhulu: 42 KB)

Z43 Form: Claim for Travelling Allowances  (ubukhulu: 37 KB)
Subsistence and Travelling Claim Form  (ubukhulu: 131 KB)